Insert 70 Me: What? Her: I mean the truth is anizalani - TopicsExpress



          

Insert 70 Me: What? Her: I mean the truth is anizalani nalomntu, ude ukhethe yena kune family. Me: Isuke yandibhida kelento yokhathalelwa gqitha yifamily ngelixesha umama angasekhoyo, okwesibini, lento uyithetha ngotata andiyithandi and iyandikhathaza. Her: Hay am just worried Me: Uworrisheka kakubi, ngocingela abantu kanjalo? Mamela Ammy, umama umenze utata iLegal Guardian yam ngesizathu, ayizutshintsha ke futhi lonto. Her: But I still think ngowuyohlala eKomani. Me: Ndiyohlalelani eKomani? Umzi kamama? Her: Haybo ungathengiswa umzi Me: What? Are you listening to yourself? Her: Haybo yintoni ewrongo? Me: Bye Amanda. I hung up sendinomsindo onjani, nxa these people have a huge problem. Yaphela inyanga sizihlalela sobabini notata, umama wakhe emane efika azomlanda baxabane gqithi. Umakazi oko wathulayo ke yena nenzala yakhe. IChristmas sayityela kwaSokopo notata kumnandi shame sonwabile, salala khona futhi sabuya nge 26th sazihlalela ekhaya, sasesibhetere ngoku, imeko siyamkela nhoko. Ndandingeka dibani nala nurse yazi uMalibongwe. So yayisengu January kengoku, ndizilalele ndazovuswa yiphone yam ekuseni kusemnyama, it was Sihle. Me: Mhm(ndisabelela ebuthongweni) Him: Baby wam upassile, upassile Mamtolo wam ngoB. Congratulations my angel siyeza apho ngoku. Ebunyanisweni ndandingalazi noba iphepha liphuma nini, ndlela endothuka ngayo ndavele andayazi noba ndithini noSihle wabe ethetha engayeki. Me: Oh okay Yhoo andazi noba ndandinemincili or, but ndehla ebhedini ndaguqa phantsi sendilila ndabulela uSomandla, yhini Bawo ndandi ngayilindelanga tuu eyopassa. Andagqiba kwa oko kuthandaza ndaphakama ndaya eroomini katata. Me: Tata, tata(ndimdlikidla wekhwaphululu) ndipassile tata, I passed ngoB tata(ndingayekanga ukhala) Him: Hayi maan Zipho, upasse phi? Me: Hahaha grade 12 tata maan Him: Iphepha liphumile? Ngubani kanti ixesha? Lmao utata wayesanxile bubuthongo Me: 4:15am tata, ndifownelwe nguSihle bayeza Him: Upassile nontombi? Me: Hahaha yho hay lala mntakabawo He got up and wore his robe wandifunqula wandijikelezisa and kissed my cheek. Him: Yhemaan kaloku mna ingqondo yam ithatha kade xa ndivuka, oh mntanam yhini andavuya. Me: Yhu kuvuya mna tata Him: Masithandaze sisi please sibulele uBawo We kneeled down sathandaza wade walila utata, yho ndlela endandivuya ngayo ingathi nditheni na nje, sahamba sayohlala elounge gqiba kwethu siyolinda oSihle. Kwazotsho ihooter egatin kwabe kugqumza umculo, saphuma notata silandelelana wavula igate utata wabe uSihle sele ephume ngaphandle ngathi ayisavulwa igate lol, wangena egibiseleka he hugged me ugqiba wandimunxuza, bangenisa imotor then behla. Babeze bonke ke niyabazi, uSne weza kum, we hugged wabe sele enuka utywala phofu. Bonke bandi hugga. Dad: Liphi iphepha maan? Sihle: Hahaha khupha Sne. Nyani balikhupha sayongena endlini, ezam zazi highlighte amagama wethu ntanga. B: Zipho Fuzile (Life and Geo) Yho yavele yangathi kukona ndiyivayo inyembezi zovuyo zehla zicengceleza, Sihle zange andixelele uba ndinazo nedistinctions, ndaxakwa noba mandithini. Wandithatha utata wandibeka esifubeni zabe zingangxoli ezakwa Sokopo yheha! Zigida mntam zibetha igwijo. Phofu zinxile Zoooonke ngaphandle kuka Sipho. USne passed with 4distinctions (life sciences, life orientation, Maths and Geography) Oyintanda with 3distinctions (Geo, L.O and Life sciences) Yabayilongqushu ke kwade kwamhlophe, yhoo zange ndonwaba kangaka oko kwasweleka umama. Dad: Seninxile nini bantwana ndini? Sphosethu: Besenze umlindo wephepha eUltra City tata oko sisela Sipho: Lithe lifika elophepha babe bengasakwazi nofunda bancedwe ndim. Lmao we all laughed Dad: fownelani uOyintanda kaloku Sne: Utwo akangeni ku one tata, Oyi makafownele thina. Dad: Hahaha uyanxila wena, wazi njani uba nihleli kunye Sne: Soze angayazi Me: Mandiyothatha iphone yam. I went to my room ndafika ndina 8missed calls from Oyi and Mfundo. I went to the lounge Me: Bebefownile Sne: Oh shame Sihle: Bebe? Me: Ewe Oyi noMfundo Sihle: Oh call Oyi back uyeke uMfundo Sabs: Hahaha Siyakhweletuya qonda moss. Dad: Hay hay Sabs: lol xolo tata I called Oyi she picked up on the 1st ring Her: Chomi, siyeza. Me: Ohh cool Her: Sho She hung up Me: Bayeza Dad: Hayi inene sistop sabantu abapassileyo esi Sne: With distinctions Mr Egg Dad: Hahaha ndikubethe ke mna Me: Sne ubiza utatam ngeEgg? They all laughed Me: Ndakuphoxa Sabs: Yhimani kaloku, kufuneka sibenesibhadlalala separty Sihle: Hayi kudala, namhlanje babhem Dad: lol ningawo namampondo kulento niyiqhubayo Sne: Ewe please, nithengele uZee brutal fruit please Dad: Yho yho Zipho? Me: Hay tata Sabs: Hay nyani tata yeka umntwana onwabe Dad: Ewe uzokonwaba, upassile. Benithandazile phofu kulento niyiqhubayo? Sne: Mna tata ndathandaza ngalamini ndandigqibo bhala iphepha lokugqibela. Dad: Hahaha wathini xa uthandaza? Sne: Ndathi enkosi Yesu Kwatsho inock emnyango, ndayovula it was Mfundo, Oyi and their father. UMfundo hugged me naye wandiphakamisa, then nabanye ke bandihugga. Mr J: Molweni emzini, akugcwele. Dad: Tshini, mholo mfondini nawe uhamba lento yompaso? Him: (Sne got up wahlala) Hahahaha ewe maan ndoda ayikho enye indlela, ngoku ndatsalelwa kwelicala. Dad: Ohh kunjani kodwa? Him: Kuhle, kuhle maan akhonto kunjani kuni? Dad: Hayi sowuyiqonda ke kuthi We all laughed Mr J: Wenze kakuhle nontombi, am really proud of you, uyibambe apho, nguwe uSnesipho neh?(He said looking at Sphosethu) Sphosethu: Hayi tata nanku entla kwakho Him: Ohh chini, niyafana maan.(Wajika wajonga kuSne) ungu lo wedistinctions eziyi 4? Sne: Ngqo! Hahahaha mxm, kwahlekwa Mr J: Hey hayi awudlali nencwadi nontombi uyayibulala Sne: Itsho into xhego lam Dad: Haaah thats Sne for you Mr J: Uyabona uthi ndilixhego ngoku ndimtsha kangaka lomntwana? Hii? Ndakukubetha. Mfundo: So anizukwenza celebration? Oyi: Ingaba uSne akaphili Sne: Chin, baxelele Oyi oyi Dad: Bazoyenza and bayifuna kwanamhlanje. Mfundo: Oh, phi? Dad: KwaSokopo Sne: Nakanjani, sinxibeni uall white thina sipassileyo Sabs: Yhu hay for ntoni ngoku? Sne: For uba sigqame kuni chini Me: Hay suka Sne all white wothini? Sihle: Uthathela phezulu kwanto ningamncama Mr J: Hay upassile lomntwana, uzothini angayithatheli phezulu lento? Futhi ke umnxibe wena mntwanam uall white wakho Sne: Wazi mna wena tata. Sihle: Akho noba inye na ibeer kulomzi? Dad: Jonga pha efridgini Wabaleka uSne wayotshona ekitchen walandela uSihle Mr J: Yho uyasela no 4Distinctions? Dad: Hahaha ukufa Him: Yho! Babuya beziphethe banika noSabs basela, xa sezisela ke eziya azibinantloni zamntu, ibanguwe ove uqonde uba yho! Sabs: Soqalani siyolala ke iparty itonight moss? Dad: Xa nilala amalungiselelo azokwenziwa ngubani? Sphosethu: Sovuka pha ngo2pm, khange silale tata. Sihle: Noba andilelanga kemna Dad: Good, uzoyothenga inyama noZipho eKhwezi ke wena Sabs: Uyazi ke uba uyametshisa kengoku Dad: Subanamanyala wena. Sne: Haaah cimba kuyadlalwa wena, kuyajolwa apha. Mr J: Hayini maan ninxila kakubi kengoku Dad: Subahoya banje, bazoba worse kulaparty. Mr J: Yho, hay bandiza entloko mna Sabs and Sne chanteduxolo Mr J Him: Hahaha mxm. Ndiyaphangela kemna namhlanje so ngendihamba. Dad: Oh, uhambe kakuhle maan mfondini siyabulela. Waphakama utata wamkhupha kwalandela noMfundo noOyi Siphosethu: Yemsihlana, wamshiya uMfundo kwaphela? Sne: Hay hay, Zipho washiywa kuMfundo wabhayndela kuMsihlana Sipho: Hahahahaha, sanukunya Sabs: Thetha Sihle maan ithini into? Sihle: Tsek ndiyekeni. Sabs: Sumatha, senzela wena. LaMfundo umane ekugxelesha angakuqubuli Sne: Hahaha hayi soze Sabs: Mhm, senditshuba wena msihlana nhoko kwanele ngoku awunolunga uphinde uhlatywe Sphosethu: Hayke Sabs umntwana Sihle: Mxm akambi nje. Sipho: Mbi nyani unephuza face Sphosethu: Hahahaha ngathi kuxwantsuka plastic surgery Sne: Hahahaha yanyeleka ngok Chap Sabs: Bayeke badekelwe ndiyababona. Wazongena utata Dad: Hambani nani kaloku Sabs: Ayimandi eloxesha lesofa ngase ndilale kuyo Dad: Hay akulalwa ezisofeni. Sphosethu: Oh yhini tana tata sicela ulala apha sivuke sesilungiselela iparty Dad: Yiyani eroomini kaZipho maan abanye espare room Sihle: Thina? Dad: Yho hay cinanisani espare room nani, nam ndizolungiselela ukuya emsebenzini ngoku. Sihle: Okay tata, kodwa ngesisithi ngqi apha ezisofeni mna noSipho Dad: Mxm! Wahamba wayolungisa igirls zaya espare room mna noSne eroomini yam then oSihle banikwa iingubo ngutata balala elounge. Wazodlula eroomini utata before ahambe. Him: Zee, ina(he handed me his credit card) Sne: Yho ha.a tata yangxola sifuna ulala Dad: Uyolala pha egarage ke apha kum, Zee nithenge zonke izinto enizifunayo ne? Ungaseli wena Me: No I wont Him: Good, usayazi ne ipin? Me: Ewe tata Him: Ndiyahamba ke, ndizocela ladriver kamama azise itwin cab usebenzise yona, or izoba right lamotor? Me: Yho hay izoba right tata yho Him: Oh okay ke. Mandihambe, uye kum emsebenzini uyeva? Me: Ok I will. He left, salala ndavuka around 11am ndayovusa iboys elounge ndifuna ucleana. Sihle: Yebaby unochuku maan Me: Hayi bafondini vukani kusemini bazothini abantu abafika apha. Sihle: Tjo(he kicked Sipho) vuka nkebe nkebe Sipho: Mxm(wazogquma) Me: Vuka Sipho niyocinanisa kuSne ke Bavuka nyani barhuqa iingubo bahamba ndashiyeka ndicleana, ndava uSne ebathuka kanobomi ndayihleka kancinci, ndacleana ndagqiba then ndayohlamba. Wavuka uSabs Her: Andilambe Zee Me: Masiye ekitchen Her: Okay ndicela undenzele into enefutha Me: Hahaha okay. I made her breakfast watya then wavusa abanye uba makuyohlanjwa. Bavuka nyani bondlula bagqiba baza kum elounge. Sne: Kunuka kamnandi Sipho: Worse ndilambile Me: Yho hay nibaninzi maan kodwa Sne: Ndizokwenza ngokwam ukutya Sabs: Haybo niyagoduka nje, notya endlini Sphosethu: Ngenxayiba uhluthi ngok wena Sihle: Masambeni ndiyaphela mna yindlala. Me: Hahaha yho hay baby yima ndikwenzele hot dog Sne: Tjo andilambe tana chomi Me: Yiza. Saya ekitchen, senza ihot dogs sayobanika. Sihle: Enkosi baby sotyela emotweni Me: Cool, ndizozokulanda ngoku sihambe. Him: Landela emva kwethu man, Ill take a quick shower then sihambe. Me: Cool. Bahamba, ndaya eroomini ndayothatha ihandbag yam nestixo zemotor ndatixa endlini ndalandela. Ndafika bengekafiki ndamisa ngaphandle andangena, 10minutes later bafika begqumzisa umculo besela lmao hahaha hay aba :v . USihle wehla kuqala nam ndehlika ndamhlangabeza. Sihle: Yho! Sowulapha baby? Me: Ewe maan masambe uyolungisa Him: Oh sho Sangena eyardini, lalandela ibandla wahlamba wagqiba uSihle waza kuthi elounge. Sabs: So nothengani ntoni? Sihle: Nyama kaloku notywala. Sabs: Ndilindeni nam ndiyahamba Sihle: Yho hay maan. Sabs: Ungxamele phi ungenamali nje? Sne: Hahahaha iyaphoxwa indoda Sipho: Iphoxwe phambi kwecheri yayo Me: Hay hay kaloku Sihle: Chin, hay hay nyani baby Sphosethu: Nguzincinci loSihle Sne: Uyathanda kewena Sethu ugeza Sipho: Eshee, hay kengoku Sihle: Ziniphelele ndiyanibona. Me: Sne uphi uSiya? Sne: Uphangele uzoza late. Me: Ohh. Sabs finished sahamba, samisa etown ndakhupha imali then saya eKhwezi sathenga inyama. USabs yena wathenga utywala obuyintaba inene ndayicinga latwin cab ebethetha ngayo utata. Sabupackisha kwiboot obunye ebackseat nenyama sahamba. Mfundo called wabuza ancedise phi, ndamxelela yonke into ikhona mabeze neziqu zabo wavuma ke. Ndayobeka oSokopo nezanto sasizithengile then ndaya kutata. Me: Yhu awubile, uxakwe yintoni? Him: Hey kunzima, nihambe njani? Me: Kakuhle ndizophinda pha uphuma kwam apha. Him: Uqale endlini undithathele igolf-T ne jean nam ndizophumela pha. Me: Oh okay Him: Netakkie, sapha icard lam Me: Oh libele(ndalikhupha ndamnika) ndiphe ichange le ilapha kum ndizogalela ipetrol Him: Yhu uyaphosisa Zipho igcwele lamotor inoba ufuna iribs Me: Hahaha tuu inyama ndizoyitya ndonele kwa SoKay, qha ndifuna uyokwenza laside fringe ndandiyenze nge farewell zindidikile inwele. Him: Ohh, izokwenela kengoku leyo ilapho kuwe? Me: Yebo. Let me get going ndizoqala ekhaya then ndiyokwenza intloko, call me xa uphuma Him: Sure. Ndahamba ndaya endlini ndamisa imotor ngapha kwegate ndayongena endlini ndathatha ezizinto ndandizithunyiwe, ndazithathela ijacket neclipper yenwele for my new hairsty :P . Ndaphuma ndatixa ndadibana noSiwe egatini engena. Me: Hey, ndisendleleni. Her: Oh, ndiya etown qha bendithi mandidlule apha kuwe, congrats man Me: Thank u, masambe nam ndiya etown Her: Thanks. Sahamba nyani sayofika etown encokola indaba ezifileyo uSiwe ndingamhoyanga, I dropped her at Circle Spar ndonyuka ndaya eThe mall ndenza intloko. My phone rang it was Sihle. Me: Babe Him: Uphi kaloku love? Me: The mall baby ndenza intloko but am almost done Him: Oh okay, miss you kaloku Me: Miss you too, see you just now. Ndagqiba intloko ndabhatala ndahamba ndaya kuloSne, ndafika oMfundo sebe pha. I parked kwidrive way, my phone rang yayingu tata Me: Daddy Him: Uphi? Me: KwaSokopo tata Him: Sure uyigqibile intloko? Me: Ewe tata andimhle sana Him: Hahaha ngubani usana wakho? Me: Zandibona sana, khawuleza He laughed and hung up, kwabe sekusiza uSihle ephethe icider, ndehla he hugged me wandiqinisa. Him: I love you sthandwa sam Me: I love you too baby wam He broke the hug Him: Am so proud of you Me: (I smiled) Enkosi nana Him: Yizapha(he held my hand wanditsalela endlini) Me: Hahaha yintoni? Him: Ndizokudlalela ingoma I laughed, sangena endlini safika kugcwele qhuu kukho nabazali bakhe, wavula umculo. Uthando lwam lolwakho babe, ungandishiyi sthandwa sam, ntliziyo yam yeyakho babe ungandishiyi sthandwa sam, uuuuh uuuh uuuuh sthandwa sam Nisayikhumbula langoma kaDj Bongs? Lol he sang along wonke umntu ejonge kuthi ndincumeeeeeeeeeee! :D :D :D :D Mr S: Yho yho khanithothise Sihle: Yho uyaphazamisa tata Him: Thothisa kwedini Wathothisa nyani Him: Yintoni ngoku wasidubula ngeRomance Hahaha we all laughed Sabs: Tata uyaphazamisa Him: Hayini andikabuliswa mna nguZipho apha kwam. Me: Uxolo tata, ninjani? (I shook their hands nomama) Mrs S: Siyaphila mntwanam akhonto Mr S: Utheni uSihle wakuthathela phezulu? Sihle: Upassile tata. Sne: hham Mrs S: Suchukela abantwana maan, ave upasse kakuhle sisi ndiyaziqhenya ngawe Me: Enkosi kakhulu mama. Her: Ngoku ingathi akho apho niApplye khona nje nizothini. Sne: Gap year sipholise ingqondo Sabs: Liyahamba kelona ixesha ulibele kuphapha Mrs S: And umntu esobana 21years ndiyayeka umpha imali mna ngoba bakufanele ukuba uyazimela. Sne: Uuuuuh uuuh uuuh sthandwa sam(singing) khonyuse Sihle Mr S: (He got up wambamba ngo swine) awumameli wena awuva kuyathethwa(wamlingisa ngempama) Sne: Yhoo, akugqitywanga natata? Him: Yiza nemvubu yam Sipho(wabaleka waphuma uSipho) Sihle: hay hay tata umntwana epassile? Ha.a please man Mr S: Ndakukubetha wena Sabs: Yhu hayi uyamchukela umntu esebenzile Sne: Myekeni andibethe(entlimpinika) awundifuni futhi wena tata ulinda kugcwale abantu undijongise. Sihle: Hay uzijongisa ngokwakho chini Mrs J: Khaniyeke umntwana maan tata kaSnesipho hay. Him: Yohlalu sinda. Sne: Umculo ungonyuswa?(Watsho esula inyembezi) Sabs: Sihlee nyusa sijaive. Sihle: sho Wonyusa nyan, they all sang along bajaiva Mr S: Phumani phandle maani Saphuma nyani sayojaivela phandle, wafika utata wam ethubeni waza kum. Him: Yhu umhle nyani sana Sihle: Hahaha hayi tata Me: Benditshilo nje Him: Ziphi into zam Me: Zisemotweni Him: Khupha uzise pha endlini. I did just that, xa ndiphuma yhoo nanku umka Mfundo engena edlanyaza, ndayoma ecako Sihle. Her: Rhaaa Mfundo uza epartini yehulee lakho kanti ngoku uxokayo uthi niya epartini yechomi nalo Oyintanda, ngemotor yam Mfundo? Sne: uPhume ekhaya ndlavini. Sabs: Ngumntu otheni lo? Sne: Ngumfazi kaMfundo, phuma mama. Chin waza umfazi wafika wadlikidla uMfundo ethukisa. Sabs: Hey rha zomosha iparty yabantwana mama, Sipho uyitheni lamvubu katata? Sipho: Yima ndiyeza nayo. Sphosethu: Hehehehehe nithinna pha kum(she folded her arms wabukela) Mfundo: Hey calm down, masiphumele ngapha kwe yard uzobethwa apha. Wabe efika uSipho nemvubu wayiphosela uSabs. Sabs: Ehh Madam, inkinga yakho yhini? Her: Hey andizanga kuwe apha ndize kuMfundo Sabs: Kukulo Mfundo apha? Her: Andikhathalelanga noba kukulobani, yiza! Wena(wamtsala) Sabs: Hey akayi ndawo uMfundo, yizapha! Wagalela imvubu ezingcabeni waxhuma. Mfundo: Hayi maan, myeke ndiyahamba Sabs: Hayi Mfundo uyacaca uyabethwa ngulomfazi mandikulwele(wamlingisa waphinda waxhuma waphela uSne yintsini) Sne: YeSabs uyamazi sesuko sibethela esikolweni lomama noZipho Sphosethu: Intoni? Sabs: Rha!(Watsho emleqa wabaleka wophuma egatini) Nja! Dad: Hey hey kwenzeka ntoni Oyi: Babetha unkosikazi kaMfundo tata Dad: Ohh, buya Zipho mntanam. Nam ndaya kutatam wandigona yho abamthuka oSne umfazi bamkhapha baphuma naye wabe noMfundo ndimbona ufile zintloni. ....... Ye guys ayindihluphanga inetwork last night and this morning ndade ndafuna ukunifownela, lol phi ke bendizibhanxa nje. Am sorry zithandwa zam, I hope you enjoyed/enjoying church. God Bless
Posted on: Sun, 26 Oct 2014 11:12:19 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015