Insert 94 Thando had to go to Jozi zabe izinto zingekalungi - TopicsExpress



          

Insert 94 Thando had to go to Jozi zabe izinto zingekalungi ncam Yafika iveki ye birthday yam wabe uThando esese Jozi, ndamfounela ndimbuza uba uzobesebuyile na, wathi uzobe engekabuyi, yangandothusi noko lonto anyway we never done anything nge birthday zethu, but ndirhalela kona uba itshintshe lonto. Tuesday ndavuka ndaya emsebenzini, ndathenga i cake ne muffins and snack ngoba uyazithengela xa kuyi birthday yakho then thr coleagues celebrate with you. We went to the kitchen bandiculela satya i cake sabuyela emsebenzini, uThando wafouna wandiculela, yaphela imini yam. We kept in touch till wabuya friday, as ba sihleli kubekho le call amane eyiphendula ingandihlali kakuhle, and indlela aphundula ngayo kuyavakala uba uthetha nentombazana. Mna: ubuhambe nabani? T: with bob and Namhla. Mna: nguye lo ukufounelayo? T: ewe why? Mna: ha. Nasebusuku nisathetha ngomsebenzi? T: ewe tyhini. Mna: yithi ndingaqali chuku ndizolala, kodwa ndizonyathela idikazi mna endodeni yam umlumkise xa ephinda efouna neh. T: ndiyakwazi klk wena u over protective ngezinto zakho. Mna: ngqo, awuyobhekile yomqombothi yona kutshintshwana ngayo. Sancokola nobby, xa kufuneka sibe pha, T: andiyifuni i condom bby Mna: ngoba? T: uzoyisebenzisa kude kube nini nam? Mna: sasivumelene nje tata ka TJ uba asimfuni omnye umntwana. T: but singangayisebenzisi ndichamele ngaphandle. Mna: i safe leyonto njengoba wandimithisa uqala ukulala nam ngaphandle kwe condom? T: soze kwenzeke niks Yoli maan. Mna: mandiye eclinic ke ndingazubanaxhala lanto. T: kuthiwa siyatyebisa istof uzotyeba ke nawe. Mna: ndixolele ukutyeba kunokumitha. Sayenza ke lonto nge condom equmbile (andicingi sefounelwa ngoku nangobusuku). salala, wavuka ekseni wahamba ndangamcengi ke mna ngoba andizutywetyweza bantwana mna ndingatshatanga Ndangamboni imini yonke saturday. Wafika Sunday ekseni esithi mandihlambe ndinxibe kakuhle we going somewhere, ndahlamaba ndanxiba wandisa eflatini yakhe sathi singena nje kwabe kuxokozela kunabantu endingabazi bepheka, ndabulisa bazazisa, wathi omnye unguNamhla i coleage ka Thando. Nam ndazazisa ndabashiya ndaya ki Thando. Mna: T ayinguye lo Namhla ebekufounela lo? T: nguye Mna: akayochomi yam njena. T: ewe yeyam Mna: oh Bapheka bagqiba bathi kuyiwa kwa Petrick eAmalinda, T: happy birthday love. Mna: idlulile bby (ndabe ndimthe nca ndimbambe ngengalo kulamarhalarhume) T: happy belated, ubucinga ndiyilibele or izodlula kungenzekinto? Mna: bendiyazi uzovusa wena bby kubemnandi. Sayofika kwa Patrick, yindlu enkulu, kune pool ne ndawo ye braai ene shelter, baya befika abantu bebabaninzi, ndanayo ne feeling yoba akuyo birthday yam le yi gathering ngoba akunamntu ndimaziyo, but ke u bby ukhona, nam ndafouna nda directer i-mpinchi zam uba mazifike, ndafounela uKhuthala uba ndizombiza uba kutheni engandifounelanga nge birthday yam, wathi use Monti ebesazondifounela ndathi makeze, bafika nam ndatsho ndanabantu bokuncokola. Zafika ezikrobokayo basela abantu, nalo Patrick nalomfazi wakhe bavuza imali xa sebenxilile, xa buphela bayanyamalala babuye ne bottle store yonke. Ndakhangela uThando ndamfumana ngase poolini esithi uzophuma ayolanda i cake. Mna: I hope awunxilisi bantu ke. T: bayazithengela nomama walapha yi birthday yakhe sazihlanganisa. Mna: oh thats why. T: ndisaphuma ke. Mna: sho oKhuthala bakhona udlule ubabulise. T: xa ndibuya bby. Mna: ingahlali ke. Wayongena emotweni, wagijima u Namhla wayongena naye bahamba. Mna: mtase andimthembi ke la Jezebel wentombazana ungena kula Moto. Khuthala: uyabona ke apha eMonti, indoda ithathwa umntu ejongile, matha wena, uThando akabhalwanga mqolo uba Do Not Touch, kuzofuneka umthi nca, look around ayinguye yedwa. Xa ndijonga haybo seku two by two kodwa abantu bebefike bodwa. Mna: ingathi kuzobanzima ke apha nemini ayikaqini. Khuthala: yithi ndiyozifunela ibhlukhwe nam i Chritmas ingathi ifike early. Mna: ndizokuxela ke wena. Khuthala: andizu winwa maan ndizolala endlini. Ndema ke mna ngoba eyam indoda i winwe ngu Namhla, ndahlala ngase gatini uba zendibabone xa befika, yase yancinci intliziyo yam abantu bonwabile, kwangena imoto kwehla uAce ehamba nentombi ( yaqala ke inkathazo) i wonder uphi yena uZoleka nomtwana sekuhanjwa ne yellow bone nje. Behlika wayibamba ngesandla lentombi baya ebantwini wayishiya pha, wabuya weza kum. Ace: nguwe kanti lo wenzelwa iparty? Mna: hay ngumama walapha Ace: oh! Bathe nentombi ka T nje. Mna: hayke andazi Ace: ndimangele uba nisaqhuba okanye senincekelele ngenxa yomntwana? Ndandingatsho uba T anhayithatha serious lento yenu. Mna: Andile ufuna ukuthini kanye ngoba uyabhuda ngoku. Ace: you not the softy i thot were after all. Khawutsho yinton le uyibona kuThando ewathanda kangaka amantombazana, i mean uthatha nawe tshomi zakhe afune ukuwatshata. Mna: you mean uZoleka lo wamthatha kuye amithisa? Into endiyibona kuThando andiyiboni apha kuwe. Ace: ucinga ujonge wena ke ngoku ngenxa ekumithisile, awukahlakaniphi mos, maninzi amadoda angaku treater right, only if ungavula amehlo. Mna: ingathi sowungxamele ukundidika ke ngoku nobumnyama bakho bundenzela isthukuthezi ndifuna i view engathi iyakhanya yithi ndibone abantu. Ace: hay utheni na waqhela ngoku khehle, ubona ndincuma nawe ngoku, hay klk ungake ulinge. Mna: mxm uyabora, ndamshiya. Wafika uThando bethula i cake wayisa endlini uNamhla, uT weza kum. T: uryt? Mna: ja T: ndibona ume wedwa. Mna: ukhona u Ace and uze nesgezo. T: esantoni? Mna: esi sonyanyisayo. T: utheni kuwe? Mna: hay sophinda siyithethe masiye ebantwini. Ndabangajonga o- Khuthala babanjiwe mtakabawo abanye bahleli phezu kwamadoda abo kuyancokolwa, umculo ukhala phezulu kuya jaivwa. Namhla: Thando ndicela uzosikhuphela iplates plz. Mna: awuyi apho hlala phantsi uyephi utata walapha angabakhupheli. T: bazoncedisa thina abantu bby. Mna: uyandidika lonaMhla mna tjo ingathi ndingamfaka i doom anyamalale. Wahamba uT, wabuya uAndile. Mna: nguwe futhi, awuncami neh! Ace: do you think uT ukuthanda ngalendlela omthanda ngayo wena? Mna: wazini wena ngothando utshintsha amantombi ngathi utshintsha ipanty. Ace: I think sebone ongcono kwalapha or ndiyaxoka? Mna: ndicela uhambe, awumenywanga futhi nalapha. Ace: aha. Nawe uyayibona lento ndiyibonayo, its just a matter of time uba konakale ukuhlala, these are my freinds baziwa ndim, wena ufika izolo. Mna: ndenze njani ke bhut ace ngoba uyandoyikisa ngobubi maybe bubo obu buzojolisa uThando ngoba akajoli. Ace: you will come to me crawling usithi mandikuncengele. Mna: ubungezanga nentombi na wena , ayikathathwa yona ulibele kukufuqa mna nje? Ace: uzothi benditshilo, wahamba wayobamba intombi yakhe wasela ejonge ngakum. Thando came back. T: uthini lowa? Mna: uba ubungazuli ngawumvile, uthi uyajola apha. T: nabani? Mna: tell me before andixelele yena. T: uphambene u Ace usathetha ngo Namhla endingazange ndijole naye. Mna: nanisenzani? T: nothing. Mna: oh! Baya benxila abantu, ndayoncedisa kuhanjiswa iplates kwatyiwa ndaphinda ndayozihlamba ngoba babenxilile kwa aba bebepheka ndagqiba ndabuyela phandle, ndakhangela u T, ndamfumana kwelinye icala eme naloNamhla ndayakubo. Mna: Thando ndifuna ukugoduka ngoku. Namhla: asikasiki ne cake nje. Mna: uthule wena. T: ndicela sithethe Yolisa, wanditsala ngengalo saya edlini. T: bby ndicela ungamnaki uNamhla uyayithanda i Attention and inxilile ngoku. Mna: kwenzekani kanti? T: nothing ndikuxelele nje. Mna: yithi ndiyobuza yena ke T: ok! That was before ndihlangane nawe, kuyi Christmas party nfahamba naye, Mna: walala naye? T: ewe nge condom. Mna: ukhona umntu aphemonti ongazange walala naye Thando? T: ndandigqiba kufumana usebenzi, ndathenga imoto, so i was fooling around, you cant blame me ngento eyenzeka kudala. Mna: i think you need to change freinds, uhlala unezi shiqi wena. T: bby ndikhulele apha and iMonti incinci so you are bound to bump in one of my exs , one nyt stand sometime. Mna: ngakungcono uba awundizi nabo ngemoto xa ndithe ndahlangana nomnye wabo. T: besilanda i cake qha bby nothing more, Mna: waya naye eJozi. T: hayke bby akwenzekanga nto i swear, nangoku uzama ukwenza wena jelous thats why ndisithi sumnaka. Mna: masiye ebantwini singabe sizivalele apha, sahamba. Sabukela abantu be dancer. Ace: awumkhumbuli uZoe T? T: hlukana nam Andile. Ace: ukuxelele Yolisa uba wayeyidla la way ingu Namhla? T: Andile hlukana nam. Ace: hey le way ithethelela i cherry ngok, Mna: masambe bby. T: kuzohamba yena lo asiyi ndawo. Ace: ungudlalani wena mfethu, amacherry ayi 2 at one goal. T: Ace phuma ezindabeni zam mfethu. Ace: kutheni ngathi unomsindo nje bra, okanye ubungafuni iyazi intombi yakho? T: masambe Yolisa ndingekakhabi nja. Mna: Masihambe apha Thando abantu banxilile nalo Ace uze ngesgezo apha. T: andizuhanjiswa ngu Ace mna, ebemenywe ngubani kona? Safuna indawo yokuhlala wafika uKhuthala wanditsala sahamba, Khuthala: ndifuna ukothusa esifebe sifuna ukuthatha indoda yakho masambe. Mna: nawe ufuna ukulwa? Khuthala: ngubani omnye olwayo? Mna: never mind. Safika kuNamhla. Khuthala: sicela wena sisi Weza u Namhla. Khuthala: andizube ndijikeleza ntombazana funa indoda maninzi apha uhlukane nendoda ka Yolisa unless ufuna ukuhamba apha ungenamazinyo, Namhla: yifreind yam uThando akwenzeki nto Khuthala: andiyibuzanga leyo, yenza le ndikuxelela yona wena ubone uba asizuvana na sharp. Sahamba wasala elaqaza abangani bakhe. Khuthala: inje ke indawo enabantu abanxilile ifuna uhlakaniphe (watsho ecula nengoma ka DJ Bongs ejaiva) Mna: kunalo Ace ungathi libekelo mtakabawo. Khuthala: lo uthi unemali angasinxilisa kuse nechomi zam. Mna: akasachomi nje. Khuthala: unayo nhyani ke lemali? Mna: kutshiwo. Khuthala: akasazi kakuhle lo myeke wena. Mna: ungaqali. Khuthala: akusajolwa maan kudliwa imali qha nilixhuthe idada nilishiye apho, ndabona kakubi ngazinto zamathando mna sendayekela kuni. Mna: yeka ndikhangele uThando naye uske abe nguphuncuka bemphethe. Khuthala: uyi sunlight mtam. Andambona ndahlala phantsi, naso isilingo esingu Ace sizondingcikiva. Ace: singafanelana mna nawe, uba ungashiya nje lantwana uzobona ndizokuphatha kakuhle, ngudlalani lentwana yakho ndiyayazi yipintshi yam. Ndangaphenduli, wandishukumisa. Mna: khondiyeke wena. Wanditsala Ace: masiyothetha endaweni engenabantu singazuphazanyiswa, egxadazela engathi uzowisa kwa esitulo ndihleli kuso, wanqandwa ngomnye ome ecaleni kwam. Ace myeke fethu lomntwana uhleli no T. Ace: T wamasimba akukho mntu wamntu apha. Nabanye sebesiza bezombamba ndeva kukhala inqindi wagxadazela u Ace wayongena kwi pool, ethukisa bamkhupha yabe seyothuka nalentombi yakhe seyi winiwe nayo, bayomfaka emotweni yakhe emanzi enjalo wayiqhuba lomfana yama ngaphandle kwe gate wabuya wa locker igate, bonwaba abantu, kwabe sekuphuma umama notata walapha endlini caba bebesazimamele beva umsindo, wabe u Ace ekhwaza intombi yakhe eme ngaphaya kwe gate yabe ijaiva ngathi izophuka sebeyithembise nangelift egodukayo. Mna: T awufuni siye endlini? T: yima kancinci kuzofuneka sihambise abantu. Mna: abaphi? T: aba besize nabo. Mna: uNamhla akazugibela kula moto. T: kuzongena omnye klk endaweni yakhe simfake kwenye. Mna: awusamdefendi nje. T: sowuzihlisa isdima ufacer oNamhla ngoku, kodwa ndikuxelele inyani ngaye. Mna: segijime wazoxela kuwe ngale 2min. T: sukuma ndihlale. Mna: ndihlale phi mna xa ndisukumela wena? T: sukuma uzohlala phezu kwam. Bahambisa icake o-Khuthala bempringa benjalo kwaculwa seyisezandleni, uPatrick wathetha ngomfazi wakhe wogqiba wamthambisa nge cream ebusweni bedlala. NoT wathetha ngentombi yakhe (emane endijonga ndihleli phezu kwakhe. T: uYolisa ndihlangene naye Two years back, emncinci ndazama ukuzikhulisela, *bahleka* but what I like about her, shes a very strong woman, independant, and ofcouse beautiful in and out, she is my home, we share a handsome boy like me, ngumama ka TJ lo and my wife to be.......baby I know i dnt tell you everyday but I LOVE YOU and happy birthday Ppl: uproposer nini T, liyahamba ixesha. T: soon, i will invite you again on our engagement party, wanyakama u Namhla wayongena endlini. Andancuma ingathi ndivezelwe. Wandityisa i cake bacula abantu, then baqhubeka nokusela kwamnandi u Ace engekho. Late sahambisa abantu kwi load yokugqibela uNamhla wangafuni ukungena kwenye imoto, esithi umntu makahambe ngabeze ngayo, yabe seyigcwele imoto. Mna: hamba Samshiya apho bemcenga uba makangene noba kukweyiphi enespace bazomhambisa, wafouna indlela le yonke esithi kuThando ufuna ijezi yakhe ese bootini uyagodola yena. Sadroper abantu sangamnaki saya endlini. Nonwabe kule holiday nibe safe ningalibali ukuThandaza uThixo anikhusele. *With love Yothando*
Posted on: Tue, 16 Dec 2014 06:25:12 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015