#Insert79# Ndizakuthandwa ngubani ngoku njengoba ndingu - TopicsExpress



          

#Insert79# Ndizakuthandwa ngubani ngoku njengoba ndingu Nomlenzana nje ngoku..bekuphele ndlela yimbi uThixo anondigweba ngayo lento ade andithathele ilungu lomzimba wam...ebengenondixolela na endaweni yokuba andityhwantyushe elihlobo ilizwe lisajonge kum..Ewe ndiyavuma ndonile phambi kobuso bakhe kodwa hayi ukuba andigwebe elihlobo...khona ndizakuphangela njani ndingena mlenze..ingubani ozaba nesibindi soqesha isidalwa esindim..nobobu Proffessional Nurse bendibufundela andibugqibanga kuba ndingulo uchithe ixesha elininzi esibhendlele ngoku ndizakuba yiNurse nje andizuba nguSister..kodwa ke nalapho andisoli nto zizenzo zam zobuhule zindijikile.. Bekungenye imini ngoku nam endingayaziyo inokuba bekusemveni kwenyanga ezintathu ndisesibhendlele..ngokutsho kwabo bathi bendimana ndiphaphama kodwa bendingekabikho ryt ngokwase ngqondweni...ngale mini ndiye ndothuka kuba bendisiva ingxolo yabantu nokungxola kweMachini...ndiye ndazama ukuvula amehlo kodwa bekunzima andazi nam bendisenziwa yintoni kuba bendingeva ntlungu qha bekunkenteza intloko..kuthe emveni kwexeshana ndipenapena ndade ndawavula amehlo..ndothuka ndaphatsu ukuzichamela ndisobona inginginya yabantu ime phezu kwam kulo nginyanginya kukho uMakazi,Indiphile kunye noNandipha.suke sazehlela kum inyembezi ukuba bendililiswa yintoni nam andiyazi ingxaki khange ndibalindele ababantu kaloku uIndiphile ndamgqibela eligeza edolophini ecelana ne1r.. Doc(Encumile)Ndimvusile kengoku mandinishiye nithethe naye noko uphilile ngoku ngokwase ngqondweni injawunje sesimfakele nomlenze...wajika wajonga kum...ungakhathazeki wena sisi sizakufaka kwiConselling uzawuqhela lo mlenze uyeva..ndiye ndanqwala ngentloko ekugqibeleni bekufuneka ndizamkele ngale ndlela ndiyiyo xa ndingazuzamkela ngubani ozandamkela.. Mama(Endiphulula ubuso)Masimbulela uYehova sana lwam kuba yena unamandla..indlela ubuyiyo ibibambisa amazinyo injawunje besele ndicinga nawe uzakundishiya.. MeNdiyakuva Mama kodwa andinamlenze njena kutheni nje mna ndingathandwa nguYehova ndinento ethi ndaqalekiswa ndisesezilwane sakho.. MamaSukumbeka tyala uThixo mntwana wam kuba sisono eso...into endiyaziyo akasoze akunike umthwalo ongapha kwamandla akho.. Me(Ndilila)Sele endinikile njena mama andithi uTata nimgcwabile ngaphandle kwam noMyeni wam wangcwatya ngaphandle kwam.. Mama(Endibrasha emqolo)Sulila Mangwanya uzakufika ulibeke ilitye emgcwabeni lika Yihlo sukhathazeka sana lwam.. MeNdiyakuva Mama..ndajika ndajonga kooMakazi besele ndilibele nokuba bakhona.. MeUxolwenu molweni Makazi MakaziMolo Nomzamo ntombi uziva njani ngoku.. MeNdiphilile noko ngoku kuwe kunjani.. MakaziNdiphilile nam mtaka bhuti(Ejonga phantsi)..Nomzamo undibona ndilapha nje ndizocela uxolo kuwe...ndicela undixolele sana lwam ukufa kuka bhuti kundivule amehlo ukuba zange ndangumzali kuwe nangoku uyandiporhela andilali ebusuku ngenxa yakhe uthi ndammoshela umntwana...tshini yinyani le kaTata ukuba uyaporha kaloku nam bendikhe ndambona emaphupheni esithi uyandinika intsikelelo zakhe ndingamtshata uMawande kwaye naye sele endixolele injawunje uyandithanda.. MeXa ndingakuxoleli Makazi ingaba ndenziwa yintoni..ndiyakuxolela ekugqibeleni unguMakazi igazi lam..andithi ndakwazi ukuxolela ooNolulamile endingazalani nozalani nabo kengoku ndizakuxakwa yintoni kukuba ndixolele wena Mangwanya..khona xa ndikuzonda akunakuba ndizenzela isono phezu kokuba ndine zinye izono..ngalo mazwi ndithi ndiyakuxolela Jolinkomo.. MakaziElila(Ezondonga) Ndikuthandela ukuba nentliziyo mtana ka bhuti ndiyabulela ngondixolela Mangwanya omncinci ndiyathemba noBhuti uyotsho ayeke ukundivelela emaphupheni..kona kona sekunjenje kungenxa yam ukuba ndandikuphethe kakuhle ngeba zange waqalisa ukhangela uthando ngaphandle ogqiba umithe uyeke isikolo.. MeAkuncedi ukuba uzisole Makazi ngezenzo zam ezingwenxa..impathombi yakho ayinanto yakwenza nokumitha kwam nokuba wawundiphethe okwe qanda ndandizakuyivuma ikwenkwe le injawunje ndiyimithele lilonke suzibeka tyala awenzanga nto.. Makazi(Ezosula amehlo)Ndiyabulela kwakho Mangwanya.. MeNdiyabulela nam ngokuthi waxolela uIndiphile..inkosi ikusikelele.. Makazi(Elila)ndisazizonda nangoku Nomzamo ngogxotha uIndi ngexesha awayendidinga ngalo kuba sekene chaphaza nje engqondweni ndim lo..umbona ethule nje engathethi ndiqinisekile akakwazi..baraper umntwana wam no.nonzamo lemi gulukudu yalapha eGcu..wa.wa..ebelila ngoku uMakazi ede enesingqala..mna bendibambelele izandla emlonyeni ndothuke le yokuba uIndi uphazamisekile engqondweni..liye laphela ixesha lendwendwe bacela indlela ooMama bathi ngomso ndizozolandwa nguMkhwenyana..bendixakiwe kemake ngulo Mkhwenyana bathetha ngaye kuba kaloku uMawande ngulo ingathi undilahlile... Ndiye ndebiwa bubuthongo ndisacinga ndinjalo kuba ndizokothuka ngomso ndivuswa nguGqirha.. HimUxolo ngokuvusa nontombi uvile ukuba uyaphuma namhlanje.. MeEwe ndivile gqirha ndiyabulela.. HimUkhona umntu ozozokulanda okanye ndikuse ngokwam kowenu.. MeHayi ndizozolandwa Mnuzana.. HimEhlekaHayi ndibize Xolile ligama lam elo.. MeNdinentloniOooh Xolile.. HimMmmh so ngeConselling ude wacaba uyafuna ukuya kuyo.. MeHayi ndiphilile kwaye ndizamkele ngemeko yam andisiboni isidingo sayo lonto leyo.. HimOwck kodwa thatha nazi inumber zam uyosuke undifownele xa ufuna uthetha..watsho ezibhala kwiphetshane wazinika mna ogqiba wahamba..kwabe sekungena uMawande engencume...ndothukela ngaphakathi ndawugqibela nini lomphefumlo.. HimMolo nkosazana yam.. MeMolo nawe dlamini unqabile kelonto awuveli nangonwele.. HimTshini sudlala ngam mntanandini kunini ndisiza apha esibhendlele qha oko bendifika ulele nangoku ndifownelwe nguNyoko izolo esithi uvukile nangoku khange ndilibazise ndiye ndayinyathela imoto yam ukuza ngapha.. Me(Ndothukile)Uthetha ukuba usuke ngapha ekapa weza apha.. HimInjalo Sithandwa sam..thatha nazi impahla utshintshe sihambe mfazi wam..nyani ndiye ndazithatha ndatshintsha ndanxiba ndaxelela uXolile ukuba ndiyahamba wandinika itreatment ogqiba sahamba nomntu wam ukuya endlini umlemnze wam ubuhle ufana nalo wendalo ntonje bendijingxela xa ndihamba..Sifike endlini kukho ooMalume,mama,Asavela..bebevuya shame kuba ndiphilile..Baye bathi oMalume mandingalibazisi mandiyobona ingcwaba likaTata ndibeke ilitye ogqqiba ndibe yindlela ubheka eGcuwa emzini wam kuba sendilotyolwe..Yhehake zinkosi umntu ulotyolwa njani engekho phofu akusenani sasivumelene noMawande ukuba sotshata..Baye bandikhapha ooMalume ndayothetha noTata wam.. MeTata ndim uNomzamo intombi yako oyithanda ngenene nangenyaniso...ndicela undixolele Jola ngengxaki endathi ndakwenzela zona eli xesha ubusaphila..ndiyakuthanda Tata wam injawunje ndizosoko ndikuthanda..ndiyabulela nangokuba undiphe intsikelelo zakho..namhlanje ndiyahamba ndiya eMazizini ndicela uze undikhusele kumoya engendawo owakho Nomzamo ogqiba ndabeka ilitye...sanyoshoza ukuphindela endlini ndaqoqa yonke into ethi mna kunye neyo mntwana ogqiba bandiyala ooMalume noMama bendixelela ngobunzima bomendo besithi ze ndinyamezele..siye sacela indlela sabhabhayisa kumntu wonke intliziyo zabo bezikhathazekile kodwa ke bekunyanzeleka ndihambe..singene emotweni indim nonyana wam ogqiba wayinyathela uYise ukujongisa imibombo eGcuwa ekhaya ndishiya uMama noAsavela..kodwa ubomi buyaqhubeka Uvaliwe umkhusane!!!!!!!!!
Posted on: Sun, 30 Nov 2014 07:25:36 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015