Introduction Ive been wondering up and down my room,its almost - TopicsExpress



          

Introduction Ive been wondering up and down my room,its almost an hour now. I hate how daddy treats me,he always tell me to grow up,now that Im doing just that he says I disrepect him.Reminding me how he tries his best to be a parent any kid would like to have and how hard it is to do that on his own engekho umama wethu.I dont understand why he always say that xa ndifuna ukwazi ngezinto.Its not my fault that mama left us kuye,ndimfuna mna kuqala lo mama ungenantliziyo kanje.I want her love more than anything,mnxm ndizixakekisa nje ngomntu ongenandaba nathi.Inoba ufile ngumsindo apho akhoyo utata ngokuba ndicime iphone esathetha,bendingazumamela yena mna ethetha olu hlobo nam.Ngeli xesha I was standing by the window ndijonge ngaphandle imvula ebigcugcuza isitsho ngamandla inazo nezikhukula.I didnt even go to class,daddy angazofika ngawo lo mzuzu xa enoyazi ukuba andiyanga akhonto ibisenziwa bekuthathwa some pamphlets.Obona my flat mate ubethe uzandiphathela,yuh lowo ngomnye nje undwebe kakhulu.Akukapheli nenyanga sihlala sobabini kodwa sefuna ukwazi yonke into ngam,ingathi uzawuba mde lo nyaka iworse kukho notata ongayekanga ukundikhumbuza that Im a second year student mandizimesele ndingadlali ngemali yakhe :(. My flat mate? Shes always bitter,sometimes its even hard to start a convo.with her but yesterday besikhe sancokola endixelela ngaye I knew that was Obona,I moved from the window ndayovula umnyango wam,she was with her friend,I guessed and she was about to knock ngoku ndivulayo. Me : I heard that Obona : Bendingahlebi nje,khawusuke emnyango singene. I let them in,they sat over my bed mna ndiye ndachopha kwi study desk iinyawo ndazibeka esitulweni.Obona gave me the pamphlets she promised ukuba uzondiphathela. I thanked her. Obona : Yi chomie yam le u Snowie, Snozza Friend : Yhu hayi Obona,khawuthule ndizithethele. Ndingu Sinovuyo mna girl andizazi ezi zinto zingaphilanga zithethwa ngulo. Me : Ndingu Iphendule,Liyabukwa Maya mna sewuyabona ke nawe ukuba ndihlala naye. Obona : Umshiyela ntoni u Palolo iligama lakho nje nalo? Me : Ngutata kuphela mos ondibiza ngaloo nto? Sinovuyo : Kuhle ukwazana ke Liya. I nodded,lindidika kanjani ke eli gama ade aliteketise lo Sinovuyo. Obona : Palolo besisancokola kaloku izolo khange de undiphendule,ndibuza ukuba kutheni una 19 years yonke kube awunaboyfriend.Unento yonke mfondini.. Yoh lo mntu lo useyi virgin. Ndizawuba ngu Palolo nakuye na? Andithandi kuthetha ke ngale andibuza yona into,kodwa ke mandiyiphendule soze ayeke lo mntwana ukuyibuza. Me : Its hard for someone like me to have a boyfriend Obona : Ngobani? Uyahlolwa? Me : No,abantu bayoyika ukuzidibanisa nathi..Ekhaya sinakho uku afforda izinto ezininzi abanye abangenakho. I didnt want to say were rich ay kuse kubengathi kuyaqhayiswa maan xa kuthethwa njalo. Obona : Ingxaki ibe phi ke ngoku ? Me : Niyazi indlu emnyama ngeenkolelo,people believe that kuyathakathwa ekhaya ngenxa yaloo nto ke.Sikhule singabo bantu bangafunwayo ke,even boys azifuni kusondela kuthi.Yade yandingena loo nto ke yokungafunwa ndiye ndimthele nqa ke mna umfana ozofika andixelele uyandithanda. I reject him engekagqibi nalento ubeyithetha. Obona : Kusesikolweni apha,people here do not know you nayo yonke into ethethwayo ngawe ne family yakho.Xa umntu eza ethi uyakuthanda Im sure sube etsho nyhani engakulingi,khawuzasme ukuvula intliziyo yakho.Abantu bayathetha futhi soze bayeke,subahoya. I kept quiet,she doesnt know izinto ezenzekayo ekhaya u Obona.Uyithatha lula yonke lento kuba ndiyibalisa nje,she doesnt know how it feels xa abazali bexelela abantwana babo ukuba bangabizitshomi nani kuba nithakatha,bezofunda ubuthi kuni.Mnye qha umntu ondincekeleleyo endimbiza umhlobo wam ngu Kuphelele that girl is always by my side,her parents zazama zancama ukusohlukanisa kodwa akasuki. Sinovuyo : Nibangaphi kokwenu ? Me : Five,Im the youngest.Ndinoosisi abathathu,noobhuti ababini. Obona : Your mother? Awuthethi ngaye,uphi? Me : Andithandi ukuthetha ngaye lowo,phofu andinanto yakuthetha ngaye ngoba andimazi.She left us kudala 14 years ago,the only thing I know about her kukuba she is a Sotho woman,all my siblings amagama abo esibini ngawe Sesotho,mna andinalo ngawe siXhosa onke awam. Bayamazi bhetele kunam,babekhe baya kokwabo ngoko wayesekhona ekhaya. Mna andazi kwanto ngaye,akandicingi nokundicinga apho akhoyo. Ndithe ndiyigqiba ukuyithetha yonke le ndawo inomama ndabe ndikhathazeke ngolona hlobo.Khange babe sadlulela ngeminye imibuzo,uthe u Olona ukhapha ifriend yakhe. Ndashiyeka ndilala ke mna. ............................. Ndicinga ndikuveze konke ekufanele nikwazi,niyathandwa
Posted on: Mon, 14 Jul 2014 12:23:25 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015