Khandifakele admin, fihla nje igama lam ke kodwa. Ukhe - TopicsExpress



          

Khandifakele admin, fihla nje igama lam ke kodwa. Ukhe wayiqaphela into yokuba xa ungenamali okanye nto ekhaya, enkonzweni nasekuhlaleni jikelele awazelwe nto. Kanti xa unemali unezinto ekhaya kugqithwa kuwe phambi kokuba kuthathwe izigqibo kuba kuyaziwa uzakugalela imali okanye ubahlise ubenyusa ngalemoto yakho okanye ubalalise kulendlu yakho kwezizinto zabo bazicebayo. Kanti nasenkonzweni ude wenziwe igosa okanye unikwe esosihlalo siphezulu sebandla xa ungumntu onemali okanye onezinto. Mhla kengoku waphuma kulengxingwa yokungabinamali nanto, ubabone nabo bebhubhuzela emva kwakho bekuphuthaphutha bekuthathela phezulu, ube wena sewukhathazeke ngokwaneleyo sewuqhelile ukungazelwa nto. Bakufune bakuncame uzipholele ukhenkethe umhlaba lo wonke ngemali yakho uzonwabele. Ingaba nawe ukhe wayiqaphela lento? #SENSE
Posted on: Sun, 07 Dec 2014 05:17:36 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015