Ndicela undifihle Admin ndiyintombi ena 22, 2008 ndandisenza i - TopicsExpress



          

Ndicela undifihle Admin ndiyintombi ena 22, 2008 ndandisenza i matric ndihlala no Aunt wam nomntanakhe e Vaal so wafumana ingozi yemoto suka kuyolanda umntwana batshona mna ndabe ndihlala e hostel ke, ekutshoneni kwalhe zange kubekho mntu ozondubhatalela eskholweni kwanyanzeleka ndiyeke ndiyohlala nomnte u Aunt e Soweto so ndafuna i skolo khona ndangasifumani coz ndandingena ID or birth ndagqibele ndihleli ke kuthe sisahleli njalo i bf ka Aunt binento thanda kundicofa ndatsho ku Aunt wathi ndiyaxoka mandihambe kwakhe ndahamba ke ndayohlala notata onxila ongena weekday na weekend no bhuti wam so wathi u bhuti masidune umama nyani samfuna samfumana kwathiwa mandihlale khona nam ndavuma ke kuba ndifuna andenzele ne ID so indoda ka mama ibingenamkhethe isithanda sonke ke yhoo wandixaka umama ndine 2 months ndikwakhe wathi theni ndivana ne ndoda yakhe funa ulala nayo nah? Wayenyanisile u aunt ndiyisifebe ndandingalili kanje I was only 16 ndaqonda ngcono ndigoduke ngoba andiyazi endizoyixelelwa futhi ndabuyela ku bhuti no tata kwathu ngabo Nov sihleli kwafika u Aunt ezocela uxolo ngoba kaloku i bf yakhe ngoku ivele ya rape umntanakhe so yabotshwa mandiyohlala kwakhe nam ndavuma ndaya ke. 2011 ndacela imali ku Aunt yokwenza i ID noba ayondenzela wathi akanayo ndthula ndaqonda ndizoyeba coz bekuthengiswa ekhaya ndateba ke nfaya e home affairs kwafunwa umzali ndacela omnye umama wayepha wandenzela ke nge fani yakhe kwathiwa kuzophuma i birth ndangabi nandaba yaphuma ke ngo 2012 ngo Jan ndaphinda ndayeba futhi ndayowenza i ID ngalafani yalomama nfayoduna umsebenzi ndawufumana ke ndasebenza ngo May wagula utata enganamntu wokumnceda ndamthatha ndamgodusa ndamsa kugogo yaphela ke i job leyo ndihlala ekhaya watshona u tata ngo JULY ndafonelwa ndiyofola kwathiwa khabuyo uyihlo ufile yhooo kwakungathi ndiyafa ndagoduka ndacela imali yogoduka wathi u Aunt ndihambe ngenyawo yhoo kwakungebuhlungu wathi omnye u sisi mandiyokhwela i truck uzondikhapha nam ndavuma ke wayondi hikisa yandibeka e DBN ndenza into ndandingazi uba ndawuze ndiyenze yokulala nendoda for imali hayike lo tata wandinika neyoqhubeka ndide ndiyofika ekhaya wangcwatywa utata ke wabuya no Aunt ndaqonda andibuyeli egoli ndahlala no gogo watshona naye ngo Dec kwathiwa ke ndizoyohlala nogogomncinci ndazixelela ndizo apply kwi FET ndasifumana ke ndizowenza i NCV last yr ndacela imali ku gogo ke wathi mandiyovusa u tata no gogo emangcwabeni bandinike mali yo register yhoo kwakungebuhlungu, mind u ke zange ndaba nayo nenkwenkwe apha oko ndafika kuba ndizixelela ndifuna kungakhalazwa ngam. Apha ke kunzima noba ndiphiwe i sephu yohlamba impahla xandiyicela ndithunywa emangcwabeni sendincedwa yi tshomi yami ke nge sephu kuba xa eya emfuleni uthi masambe ke azotsho andiphe isephu ndiphindile nda apply nakulonyaka uba ndizoya kulozayo unyaka impendulo iye yathi mandiye ku tata no gogo okanye ndihambe ndiyothengisa ngomzimba zofumana le mali ndiyifunayo khanitsho bakhaya kwenziwa njani xa kunje????
Posted on: Sat, 29 Nov 2014 09:39:44 +0000

Recently Viewed Topics




© 2015