#Nina_kule_page_kodwa.. Nina nicimba saaathi siyiqala le page - TopicsExpress



          

#Nina_kule_page_kodwa.. Nina nicimba saaathi siyiqala le page sabe sesi nimele ngale ntlobo ye-posts eniyibona apha lately, kanti akunjalwanga. Mamelani ke, ithi description yale page .. Apha sidityaniswa ngamabali kunye namaqam, sikwakhuthaza uluntu ekugcineni ulwimi lwethu olumnandi isiXhosa etc .. Ezonto ke zonke asisazenzi ngenxa yokubona feedback ye-Audience ..hence you see le direction esiyihambayo ngoku. Yona ke impression yale direction egxwenxa comes with being sick of ukwenzela abantu into entle and yet you find certain individuals ezingasoze zitsho noba imnandi-nto okanye imbi-nto. Iyatyhafisa ke lento, ifana nokufetsha umntu okuthe phuhlu ngamehlo ongashukumiyo ube uzimisele, ubangenza oku-noku askakuthi ndwanya ngamehlo, kanye lantlobo engakhuphi nencwina le okanye laaamphefumlo womfutho woxinzeleleyo .. Saaaasithatha ke isigqibo singababhali bale page, intoba nokwamkela looonto esithe sayibhala noba injani, noba ilipholi, noba ikukunya, noba naakhe nayiva ngaphambili.. ku-right sinifake kwa-Kentucky singanisi tu kwa-McD nako-Steers. Let me remind you of something .. This place used to be a place of creativity, fresh jokes, new vibes, best stories .. But guess what happened, the very audience of the place killed it .. Mna no-Logic had decided not write anymore stories here. The day we took that decision we were firm, very positive and strict about our sinqumo, that NO MORE. Ndandine slogan sam esithi .. Eachday of my life has its own history .. Jonga at the time I would not let a day pass by without myself dropping a good story here, amaqam, crazeee jokes etc.. I have people witnessed it to me that.. Tjooo X, xa ndiqala nje ubona post yala page yenu kwi-wall yam ka-Facebook ndincuma ndingekayifundi, even if Im at work ndibaleka ndozitixela eToilet ngoba ndizonyuba isiqhazolo. Omnye athi.. Yerrr X bra ndiyihleka into phaya zibengathi zimnkile iingqondo, abantu bade bacimba ndiyanqwakuza. Omnye adabuze.. X, have you ever persued writing a book of your own? .. Abanye bathi.. Le page is the reason why Im still on Facebook, otherwise yena uFacebook akusekho zakhe kum .. Ath omnye .. Yeses braz nonke phaya kula page ingathi nizalwa ngumnt omnye. Keep up the good work .. Aqwele omnye athi.. Rhaaa braz nindenza umona, ngekubhetere nam bendibhala the way enibhala ngayo kule page, nizi bozza zam. Salute. Senditsho ke people zange saaphelelwa ekubhaleni, experience ikhona yona, futh material ayilahlekanga tu, igciniwe koovimba, neee-zol zisaqhuma aziyekwanga :v .. Qha nina niwubulele umzi wethu, so ke nathi sihlelele nje ukuyinyova apha ngesigezo ngoba akhonto enizosenza yona nakakade, nombombozela nincame. Nala amabali esiwabhala siwashiye esithubeni akusiyompazamo, sisenzo sangabom. So ja, basically it is what it is, you cant blame it on the admins but only on your black selfish asses. Singabanye boo Admin asiphehelelanga kule page ekubhaleni, even indaba yalapha weve explained it to the fellow audience, that we just here to entertain you people, we cant be all decent with our delivery but again we try not to disappoint you. Ekugqibeleni singabhali normatter what. What you see here is nothing closer to author but ukolula nje iminwe yethu kuhlekwe litshone ilanga. Kodwa bunoze ufunde iincwadi zam uXolela nezika Lihle ..Tsiii mandiyityeshele lendaba ngoba kukude engqinibeni. Sakhe sazama ukunikrobisa uphantse wanjani umsebenzi wethu .. Owam walapha phofu.. Do you remember these stories? .. uNolitha. uThobani. Nge-R30 qha. uKhista. Those stories were just 60% reflection of what you can expect in my professional delivery, the other 40% is what I couldnt add to my piece of work, bcause it is just my secret weapon for the career. uLihle usibhalile isiNtu apha, futhi nangoku usasibhala isiXhosa esimnandi niyambona. Inoba kutheni? Can I tell you why? .. It was the part of mission of this page to make sure siyanihlohla kwaye siyaninyanzela ngesiNtu inkani, hence the tittle Indoda yom-Xhosa. If we boring you.. #Ayigubhe.. Soze umgqibe uJunior aka Ta-Guavela .. Kodwa I can bet, the brother can suprise you, hes got a lot of amazing things that you cant really expect from him. Kwi-market you cant leave an editor like him behind. If I was running a publication agency Id have Juju by my side all the way, hes good for business, Guava-Juice wakdala lowa. Ja well, namanye amajita uFunkisto no-Chris bayayenza into yabo, bcause ekugqibeleni the mission is to keep you all entertained. Even nam by writing this post to you, it is another part of being addicted to writing or other way of showing how passionate I am about writing, bcause I just love combining the dots :) .. #Hleze_ndibhale_bali_lithile_soon. Ibali lithi.. Sakhe seba(steal) izinto zo-test(a) Hiv-Status no-Chris, satsalana igazi sikhangela intsholongwane.. Kwakukubi apho :v :v :v .. Night Folks. Ndiyalala mna, wena uzoshiyeka usenzani? .. X to the Zee..
Posted on: Sat, 24 Jan 2015 21:57:31 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015