Please Bazalwane abaphethe ilizwi likaThixo, khanikhe nibayeke - TopicsExpress



          

Please Bazalwane abaphethe ilizwi likaThixo, khanikhe nibayeke abadlezane! le R290 (uba iseyiyo phofu), ikhutshwa ngurulumente for abantwana abazali babo bangathathi ntweni. Ayiyongeniso sisibonelelo. Nale yendodla yabantu abadala torwana. hayi ndiyabanqandela ngoku kwanele. Mabangoyikiswa ngee vesi ezingathethi loo nto torwana, masizijonge ezi vesi ukuba zazithethwa kubani, zisingisele entweni, yayiyintoni isizathu. Sibuye ke sijonge ukuba siphi ngoku, Siselubabalweni futhi ke ngoku akukho baLevi nasibingelelo, elowo nalowo uya direct kuThixo ngaye uYesu Kristu. Izishumi zazithatha indawo yesabelo somhlaba apho abaLevi ababe ngoPriest babengenaso isabelo, ngoko ke UThixo wayesisabelo sabo ngaso isishumi (Khawukhangele nje pha kwiNcwadi yeNumeri 14:20 -21 uzubuye ke undiphikise, ndikucaphulela nje ke le inye zingamawaka ezinye iivesi ezingqina oku ndiza nako ebantwini. Kwekhu abantu bakaThixo torwana. Abanye abazalwane bade bakhuphe amehlo besoyikisa abantu besithi batsotsa uTHixo, kanti ke Those who practice it are those that rob God. You want more of this, be sure to visit our website or contact me directly here. God bless you and no hard feelings nhe! Stay blessed- Shalom
Posted on: Mon, 02 Sep 2013 03:06:25 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015