Season2 #Chapter17# Ooh! My mother! My mother! She is a - TopicsExpress



          

Season2 #Chapter17# Ooh! My mother! My mother! She is a disgrace, she is the kind of mother that no one wish to have. Some how i loved her because she never aborted me but eish to be hornest i started to hate her with passion. Ndiye ndapheka kodwa ndaqaphela into yokuba umane ezithi mpo nge smirnof brandy. Baye babuya o Anti emisebenzini and my mom started to shout them one by one reminding them about their pasts. Insulting aunt Bongs about how she used to sleep with Momdalas guys.. Yes she didnt tell them the fact that i was sleeping with a guy but i know she will tell. I could see Auntys eyes, her face she was beyond angry. I remember Momdala mumbling words under her blankets saying.. Kazi u Asanda yinto awayeyilandela ntoni na le ekhapha kuba indlela asithuka ngaye zinkosi. Umama ubewenze umzi wasekhaya washushu, uba khe ubone umzi ekuhleliwe nje kuyathukwana, kuyanxilwa bade omakhelwana bamamele. Kusekhaya ke apho. Bangandi blame because i was desparate that is why ndagqiba ekubeni ndimlande. Ndandicinga uzokuzisola kodwa ke zange azisole nakancinci. Ubesela obutywala agwade nesinefu asogqiba abe ngathi uyaxhuzula kuba ubevele awe phantsi angashukumi kunyanzeleke athwalwe abekwe ebhedini. Mmh! Xa ewe kukho mna shame ubengayifumani loncasa kuba ubelala apho phantsi athi asobaryt avuke ayazi ibhedi. Umama bengandithandi tuu. Ubethandana nomnye ubhuti wase next door andimgxeki ke kuba ndikhumbula nje kancinci kwelatyeli wayevakatshe ndineminyaka emihlanu ukuba wayethandana nalabhuti. Well zedlula nentsuku kwaye uOnhi wabeleka ebelekela e Durban umntwana oyintombazana. Bekungo September ke ngoko.. Kuye kwacaca ukuba uthi akafuni kubuya ufuna kuqhubeka esikolweni kuba kuxakekekile. Umamakhe ke wamvumela babuya nomntwana bona kuba babeye bayomjonga. Umntwana ka Onhi ubena 7 days kwacaca ukuba u Antana akade afumane nanny kwaye akazokwazi ukugcina umntwana. Iqashiso ke liye lawela kum ukuba mandigcine lomntwana. U Anti ogcina u Lholho uzomjonga nje emini xa ndibuya esikolweni ngowam.. Mmh! Bendingena choice yokwala kuba sekugqityiwe ngayo lonto bengakhange balivelele elam icala lokuba ndizofunda njani kanene ngumntwana kodwa ke akukho nto. UAnti ogcina abantwana ubesele enento embi yokuba xa ndingena ngesango ndibuya esikolweni abe yena ephuma egoduka, akukhathaliseki nokuba ndiphume u10 na esikolweni. Bekusondele nentsuku ze farewell kobo budlezana bam. Andifuni nokuxoka iLokhwe ye farewell ndayithengelwa ngu Malumekazi, izihlangu ngu ccTumie, intloko ndazenzisa ke kuba kwakungekho mntu wakundenza. UccTumie wandisa kwi farewell ngemoto yakhe yonke into yahamba kakuhle and yeah uSifiso ebekhona ezoba ngu Dj beno Jay jay. Ubendithengele ke shame isipho, nomnye umfana ubeyi friend yam no Miss Nobhanda. Ekhaya akekho nomnye ebendithengele even naba ndibagcinela umntwana. After farewell we took pictures nomntu wam ne friends zam kwamnandi kwa pha.. Hee! Hayi andizange ndayicinga ukuba ndingaze ndibe nendoda ezothanda ukuma nam in public, oko kaloku ndakhula kusithiwa ndimbi yade yabetheleleka engqondweni yam lonto futhi ke ndihlala ndicinga ndimbi ke. Ziye zabhalwa iimviwo zika December ndingulowo ongakwazi nokuthini, andikwazi nokuya kwi study group, kunzima ukufunda late kuba indlela ebetefa ngayo umntwana ka Onhi eyimpempe ndiyakuxelela, maxa wambi bendifunda ndimbelekile ndime ngenyawo uba khe ndahlala phantsi uzokhala aqhaqhatheka. Ewe bendingengomntu u clever esikolweni kodwa bendiyi hard worker ngalendlela kwenzeka ngayo ndiyacinezeleka stru shame kwaye indifundisa kakubi kuba kaloku i maths ne physics ifuna uyi practise with other but bendingena chance kuba kaloku mna ndithiwe mfoo ngosana olubomvu, nto leyo ethi ndine second born endingayizalanga tu kwaphela. Sigqibile ukubhala iimviwo ndalanda unyana wam sahlala ekhaya till the end of holidays. Laphuma iPhepha kwaya u Asanda Funda wasnt there. Bendine supplementary ye Maths and Physics. Ndazixelela ukuba andizobhala lonto mna. Ukuba ikwazile ukundihlula unyaka wonke how sure am i ukuba ndizokuyipasa ngo March no thanks futhi ke andibuyeli Hillbrow mna tu kwaphela futhi. 2010 bekufanele ukuba ndixoze mphini wumbi kuba kaloku icacile into yokuba funeka ndifumane imali yokuba ndifunde kwakhona. U Anti wase Libode uye wandicela ukuba ndiyomgcinela umntwana ka Yaya. Yes uYaya ubenomntwana wango 2008 ulingana no Lholho ka CcTumie kodwa ke uLholho ngoka March oka Yaya ngoka December. Ndiye ndavuma ke nam kuba uye wathi uzokundinika i R5000 ukuphela konyaka kwenzela ndikwazi ukuphinda esikolweni nangona bendingazazi nje ukuba ndifuna ukwenza ntoni ngobomi bam. Yazi Mlesi kubalulekile ukuthi Hayi ungavumeli abantu bakuthathele izigqibo ngobomi bakho. Sukubayeka bakucinezele bakubuyisele emva okanye bakuxove ngenyawo sele ulele phantsi. Umntu ngamnye unelungelo lokuphila ngenkululeko angabe ethwaliswa amaxanduva abantu abaqhubekekayo nobomi bona. ( Next Chapter will follow after 11 oclock)
Posted on: Tue, 20 Jan 2015 03:51:25 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015