Season2 #Chapter24# Bendingabakhathalelanga yazi abanomokhwe - TopicsExpress



          

Season2 #Chapter24# Bendingabakhathalelanga yazi abanomokhwe bancinci bazenza tsolo ngam kulendlu. Bendihoyene nesiqu sam qha. Kuye kwafika i weekend ndabe ndingazogoduka ke mna. Abanye bagoduka sashiyeka sibathathu endlini. Mna, Nontombi and Bongeka.. UBongeka ebengafane agaduka ke yena kuba kukude kokwabo e Bizana. Siye salala ke ndambona uNontombi emane endijonga icaba ikhona lento afuna ukuyithetha. Mna : Thetha nje wena. Nontombi : Asanda ndiyaxolisa ngento yonke kodwa uZiyanda wayithetha le yemali.. Ndaxoka since bendingafuni kubengathi uve ngam kuba apha endlini wawuyucwa uthukwa ndade ndathi mna icacile ukuba uzokusebela nempahla xa ugoduka kufuneka sikugade.... Ooh! Ndaziva intliziyo yam ihlukana kubini kuba bendingayilindelanga le.. Ndaqonda phola mntaka Funda kuba ndifuna ukuziva zonke. Mna : Hayi ndayidlulisa kudala lonto. Bongeka : UNontombi unyanisile Asa ngu Ziyanda owathi icacile nguwe isela kulendlu yilento, kutheni qho xa uhamba kulahleka imali. Mna : uThixo emazulwini uyazi ukuba isela andililo futhi sokuze ndibelilo nanini na. Ndifuna izulu nengelosi zalo uzotyhilwa umntu oweba lemali futhi nje kakuhle nizokumbona.. Ndiye ndalala sendilila futhi.. How can be Ziyanda so cruel ndimthembe kangaka into endafika inqine okwesiporo ihletywa ithukwa.. Ngoku uzibone emithi waske watyeba-tyeba ucinga uba bayamthanda aba. Mxm ungenza ntoni ngomntu. Yafika i Sunday babuya abantu later.. Bendivana ke mna no Security.. Bendizihlalele everandeni ndincokola naye.. Wafika no Ziyanda futhi nda actor normal kuye.. Kuthe xa kuqala ukubamnyama ndamcela andikhaphe ndiyokha amanzi. Mna : Tshomie ndicela undikhaphe ndiyokha amanzi okusela. Ziyanda : Okay Tshomam... Siye saphuma. Mna : Ziyanda ithini lento yale R10 nale R20 uthi ndiyithathile wena? Ziyanda : Hayi Asa kunani khona ukuba nditsho lonto. Mna : Okay ke mnganam yima apha ndiyeza ndiyobiza uNontombi kuba andifuni ingenwe ngabantu.. Ndatsho ndihamba. Ziyanda : (Ekhwaza) yima, yiza Asa.. Ndajika ndiqonda izovela inyani namhlanje andidibani nexoki ke mna. Mna : Ndimamele qhuba. Ziyanda : Ndiyaxolisa Asa uNontombi wayeboleka imali kum ndathi ke mna inokuba uyithathile since wawuke wathatha i R10 yam wayibuyisa later. Mna : Ndandikhe ndathatha i R10 yakho mna Ziyanda? Ziyanda : Hayi Asa qha bendisenzela uNontombi angandihluphi. Mna : Ooh! By saying i took ur money without your permition nindihlebe apha endlini.. Hayi bendikuthembile ntombi... Ekse vaya maarn... Bendiziva ukuba ndinawo nomsindo futhi bendizokuyinkankatha lentombazana.. Njengokuba ndingazange ndalwa nje bendizokuyinyisa yona yodwa qha bendisoyika ukugxothwa kalo u Director uyakugxotha mama xa uyindlavini. Ziyanda : Ndiyaxolisa Asa. Mna : Yee maarn ndithe hamba apha.. Ndatsho ndimgibisela ngale magi inamnzi waphepha waya endlini.. Ndishiyeke ndikhala ngu Msindo.. Mxm yandidiba bonanje lomntwana... Ndiye ndabuyela endlini ndafuna iincwadi zam ndalala. Besisancokola no Ziyanda sivana wethu olohlotyana kodwa ndabe ndiqonda ndisazakumfumana kanene.. Ngo September ke besizoya e Monti xa kuvalwe izikolo for i tour phofu wabe ethe u director akuzuselwa kwaba baselayo. Siye salungisa nyhani kwabe endlini kuzohamba mna no Khungeka. Well bendivana nomnye umfana omncinci hayi shame ubendithanda lomntwana ena 15 years efunda u grade9 kwalapha igama lakhe ingu Lusanda.. Yuu! Besingumtya nothunga apho ndiya khona uyaya.. Ebendixelela kwanto ngaye lomntwana.. Hee! Well ndiye ndavuma omnye umfana ekuthiwa ngu Jerry ndiqonda ndifuna kuzithi mntu eMonti hayi kaloku abantu bahamba nabantu babo... Sayigqiba i 2 weeks sisesikolweni no Jerry... Hee! Ndeva ukuba uvuse isidala sakhe esihlala e suburbs sana u Nkcuns intombi embi apha emnyama thsu ndaqonda uba ucinga ndine stress uyaziqhatha.. Ndiye ndafownelwa ngu sisiTumie a day b4 siye emonti kuba bezivalwa izikolo. Mna : CcTumie. CcTumie : Akanxilanga umama wakho uthenge i case ye beer wathenga nembodlela uthi kalo wena wathi makabuyeke utywala.. Uthi uyabuvalelisa namhlanje. Mna : Makabuvalelise andifuni mama usisiyotywa mna. CcTumie : lol sokhe sibone.. Mna : Sure.. Uye wadroper ifowni.. Hee! Following day sayindlela eya eMonti.. Singonwabe ndiyakuxelela ndabe mna ndenze i strait up ndingemhle ndilalaza.. Wabe uNkcubsi u K e dayile inwele zi gold engembi maarn engathi yibhokhwe ephekwe neempondo.. Safika emonti sahlala e hotel satya sazula.. Wabe u Nkcubsie ethe nca ku Jerry apho ize yazondonyanyisa khona kulapho u Jerry athi masihambe sobathathu ndaqonda akanya ngayo mama axele inkukhu soze mna ndodwa. Salala seku late ke following day ndiphuma kwi shower u Jerry wandibiza sancokola nje wethu kwafika uNkcubsie wamthatha ndaqonda ndinesigquku shame.. Ndafika nje ndanxiba ndalala ndathi andihambi coz bekuhanjwa ngenyawo namhlanje. Kwafika uLusanda ndisalele apho. Lusie : Gel ungayifaki engqondweni lento yabe.. Khupha iR20 siyothemga something netshomi zam Mna : Sure ndayikhupha.. Ndanxiba isigqebhezana sam sahamba.. Cinga ke ndi slender whuu! Ndingemhle.
Posted on: Mon, 26 Jan 2015 13:23:14 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015