Ufika kwam kweliphepha ndandingumntu owayeceliwe ukuba - TopicsExpress



          

Ufika kwam kweliphepha ndandingumntu owayeceliwe ukuba ndizofundisa ulutsha Ulwimi lwakuthi... Lonto ke ndiyenzile kodwa ndathi ngenxa yokuba ndiphinde ndibe ngumntu onomdla wokuba ndibalise iimbali ndayityeshela, kodwa ke andikayeki... Nanga amagama neentsingiselo zawo... NB: ANDIPHIKISWA KE MNA, FUTHI XA UNGAQONDI THUL UFE... :-p •IMBONQANA - Ngumntu othanda ukuthi ebolekise ngempahla, ize ithi lompahla inxitywe nguloomntu oyibolekileyo athi... Yhoo yaze yakufanela le shirt, skirt, blukhwe yam. Athi... Uyambona uKwanele ukuba imfanela kanjani ijean yam? :-) •INGQUTSETSE. - Ngumntu onenwele eziqala embindini wentloko ngathi yinja ese speed(ini)... :v •IQENGEBA. - Ligama elinikwa intsula exwebileyo, okanye intsula enganikisi mdla. Izazi zithi iqengeba yintsula ekhule igruzulwa yingca okanye liphephandaba xa ishidilwa... ;-) •UMBHOSHONQA. - Yila tuwa ethi xa iphuma ulile inyembezi, ithi yakuphuma ithi dyumpu ethobhini kuxhume amanzi arhwece iintsula... :-) •USGQEMFEMFE. - Yila cheri yasezilalini ethi phakathi enyankeni ibe lixelegu kuthi xa sekubuya ama join ikukhuthalele ukuhlamba. :-p •UKUNKQAYA. - Ukunkqaya ke yingozi enkulu, yile eyenziwa ngamadoda xa esenza inkonzo yase kamereni, ufike indoda isithi xa kusithiwa mayinxibe icondom, yona iqale imane iyifaka ilantuka ngentloko kuba inenjongo ezazi yodwa, kodwa ke amaxesha amaninzi isuke ilungiselela ukuqubula iluthseke yonke inje ngoba injalo... :-p •UKUPIQA. - Kukuthi xa usitya noba yi isandwich uqale uyijikeleze ulungiselela ukuba oko kungaphakathi kwi sandwich leyo kuqundane kakuhle embindini wesonka eso ze kuthi gqi umntu ozakucela sowukwenze konke okoku qundanisa. Loo mntu okucelayo kuthiwa uyapiqa. ;-) •UKULICA. - Kukphuza ngoluhlobo... Kukho ababantu abathi xa bephuza babengathi yinja ekhotha amanzi, oyofika bekunyhibha ngamathe ndingayazi noba ulwimi luqeshwa ngabuni na ekuphuzaneni... :-( •UMNQONGO. - Sesasgqwathi esithi xa uncokola nabantu simane sisithi gwank kwank ngaphandle. Esi ongasoze usibone xa uzihlalele wedwa, silinda ube phakathi kwabantu. :-) •URHAXWALIPHIKA. - Ngumntu ongungantweni okanye ngababantu abangumgquba, ababantu abangeloncedo, ababantu oyofika bekuthele nqa xa usenza okuhle basuke bathi bakubona uvuna oko ubukulima okanye okulimileyo ufike sebethe nkebe imilomo becela... :-( •ISIYOYOYO. - Yila ndoda ethi inomfazi okanye icheri ufike ingenalo nelincinci ixesha lokuba ikhe izonwabise nowakwayo, kude kucace nokuba ayiqapheli ne hairstyle entsha yomntu wayo, kunani ukuncoma ubuhle okanye ukufaneleka? Futhi ke iziyoyoyo, ziyakuthunywa ukuba zitye ikuku, amaxesh amaninzi ziyatyelwa kwaye ziqhele ukuvana ukufa nababantu abazityelayo. Ukuba nifuna umzekelo jongani uCHRIS. :-/ •ISDAKRAZA. - Yilantombi enezitho neentsula ezininzi, yaze yavinjwa ubude. Uninzi lwezidakraza ziqhele ukuba nenqentsu / igantsho (in mpondo) nangaphandle kwe nqentsu, nezithende zazo ziba ngathi ngalamazambane athi elunywa zeza grogro zamazambane zisuke iigrogro zikhumnke amazinyo ashiyekele ezambaneni... :v •IMBAVA. - Lichule okanye liciko elikwaziyo ukucikozela igruzemnc namhlanje emntwini eliqalayo ukumbona ze liyiphiwe kwangalomini. Umzekelo nje ophilayo we mbava ngu Logic mhla edibana no Qondi... :* ;-) •UMAGQAMFANE. - Yindoda efana no Xolela, lamadoda angabinaso nesazela sokungena etywaleni engenayo ne mali ye loose cigerette, afike asarhe ebantwini abaziyo ngamabali ale page. Asarhe ade anxile, emva kokuba enxilile ageze gqithi, ageze ade agezele nalowo onkalayo. Athi xa egxothwa, ahambe ecula langoma ethi... Ndinxile ndibenje ndingakhuphanga mali... Krkrkr... :v •IMBOFTINA. - Yile genge enesilungu esinciiiiinci. Le genge ekwaziyo ukwenza isivakalisi ngo NO okanye ngo YES... Eg: No no no, no man. Or Yes yes yes, oh yes man. Imboftina ke iyakuthanda nokulinganisa iingoma zesilungu, phofu ayiveli xa kusaculwa iverse, ivela seyirhabula pha kwi chorus... Eg. #ecula... Im your weekend weekend special X2... Nana nana nana, thulu lululu, tsira rarara... Im your weekend weekend special... Tltltl... :-D •ISGWEDZEBA. - tltltl, yi gruzemnc othi uyisoconga uzive unesithukuthezi, urhalele nokuba uzibone sowuhleli kwi camp chair kwi Jazz festival ethile phamb kwakho kukho ubhazabhaza we cooler box egcwele qhu ziiginyables... :-p •INGWELETSHETSHE. - tststs, yile type yamacheri anezishwapha, athi sewenxibe iblukhwe ewapitsayo kodwa uyiqaphele ingwatyu kwi penti ingaphantsi kwi blukhwe. :-) •ISTSHETSHEVULA. - Ngababantu abanee phone kodwa banga phone(lwa) ngenxa yokuba xa bephendula iphone bathi... He he he he...(Pause for a couple of seconds, baphinde bathi) he he hell hell hello... Bayenza lonto ngenxa yokuthintitha... :-p Busuku benzolo zingane zoomha... #LOGIC_KA_QEDELA_WENA...
Posted on: Sun, 09 Nov 2014 20:19:29 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015