Insert 68 Ndikwazi ubhala lena guys, andikho right. - TopicsExpress



          

Insert 68 Ndikwazi ubhala lena guys, andikho right. #Goodnight #Qhawe Bendisalele kamnandi ndeva umntu ondi shukumisayo ndavuka, ndachopha kakuhle ibingu Ayanda, Aya: “ulele ngezihlangu uzenza mna” Me: “eish ndisindwe bubuthongo ndisacinga into zam” Him: “caba akaku lelisanga lamntana ne”ndahleka ndaphakama ndaya e bathroom ndahlamba umlomo nobuso ndabuyela eroomini, Me: “nibuye nini izolo?” Him: “andizazi noba ndibuye ngabani ixesha mfethu bendiyi kaka nje izolo” Me: “yerr mna ndothuke sekuseni” wahleka Him: “ke ngoku uzokwenza njani ngalamntana uno Snono” Me: “ebeyi 1 day-night stand qha man lamntana, akhonto ndizomenza yona, I cherry endinayo ngu Sino qha” Him: “umxelele lonto?” Me: “yeah, ndimxelele uba bendimrhalele endirhalele, savisana kamnandi iphelela apho” kwangena I message e phone(ini) yam ndayi jonga ibingu Zenande ndayifunda ibisithi “ I thght wt hppnd b2n us lst nyt mnt smthng 2 yew lyk it dd 2 me. Yew usd me Qawe, y’ll rgrt da day u lyd ur eyz on me” Okay bendingayiva nalento ayibhalileyo, -7 points kuye for ubhala Isi mxit kula age akuyo, Aya: “Yintoni?” Me: “khawufunde apha mfethu, ufundele phezulu futhi andimva uba uthini lomntu” ndamnika I phone, waqala wayifundela phakathi ndambona sehleka, Aya: “hahahaha what a turn off, ubhala ingathi ngumntana wase High School, uthi “I thought what happened between us last night meant something to you like it did to me, you used me Qhawe, you’ll regret the day you laid you eyes on me” iyo Me: “pewwww, bendizokwazelaphi uyifunda le mfitshi-mfitshi, uzandenzani khona?” Him: “uzoku investigate(a) “ sahleka Me: “hahahaha yho ndise ngxakini mos, ndasinda ku beetroot” Him: “hahahaha who the hell is beetroot?” Me: “yila way ibindi galele nge wine izolo” Him: “hahaha lipolisa naye?” Me: “ewe” Him: “usentweni mfana, uthe uvelaphi ku Sino?” Me: “emsebenzini ndaya e clubini ndabuyela kwakho ngoba bendinxile kakhulu for u driver, andiyazi xa u Yonela enomxelela inyani ndingayi ntoni ngoba usibonile xa siphuma no Zenande” Him: “utheni kuni xa eni bona?” Me: “ufune I number ka Zenande” Him: “yho usentweni ke sani, bangadibana aba bantwana u Zenande abe I number ka Sino ayi thethe yonke, abe enengqina elingu Yonela” Me: “andiqondi ukuba u Yonela unayo I number ka Sino man” Him: “mna ndicebisa uthethe inyani ku Sino ukwenzela ithi ifika ezindlebeni zakhe abe seyazi” errr yho Me: “hayi man asoze ayive, ndiqinisekile” Him: “ungathi khange ndiku xelele, delete(a) la message ka Zenande futhi u Sino angayiboni” lavuleka icango kwangena u Sino sajongana no Ayanda ndase ndano valo Sino: “oh hey Ayanda” Aya: “ey Snono” u Sino wazo chopha ecaleni kwam wabeka I hand bag phezu kwebhedi, Sino: “so yintoni le nithi kumele ndingayiboni” iyoooo waphakama u Vuyisani waphuma ne phone yam, Me: “ayonto baby” Sino: “nana?” Me: “yenyinto man baby, uzoyi bona ngenye imini” bendingaziva nalento bendiyithetha, wancuma Her: “mhm okay, so oko ubulele” wakhulula izihlangu, Me: “ewe, ndisando vuswa ngu Ayanda ngoku” Her: “caba ubusele kakhulu izolo e clubini ne” watsho enxiba I slippers, bendingekho comfortable ngulo mbuzo wakhe, Me: “ewe, yintoni ne mibuzo engaka” wandi jonga, wancuma Her: “ngoba ndiyayazi awundi xeleli inyani khange uqale ukuya emsebenzini, ungakhange uye nase club(ini)” ndase ndomelwa umqala,aphela tu amathe emlonyeni, I cleared my throat Me: “err…kutsh-“ Her: “ayinandaba nana anditsho uyohluleka ukundixelela inyani, kodwa savumelana ukuba awuzundi fihlela nto” waphakama wandincamisa esidlelen” ndisayo ncedisa u Thitha u pheka” ibingekho enye indlela beku ngcono ndi confess(e ) qha ngoba ingathi sesazi yonke into, Me: “Sino wait!” ebese phuma emnyango, wama ndaphakama ndaya kuye ndambamba ngesandla ndambuyisela phakathi ndavala I cango, sayo hlala phatsi, Her: “what’s wrong?” Me:”uhm, kukho into ekumele uyazi” Her: “mhm, ndimamele” walungisa ukuhlala wandijonga, ndakhokha umoya, Me: “ndiyayazi ukuba bendi wrong ngalento ndiyenzileyo andinasizathu esenze ukuba ndiyenze, and bendi wrong ngoku xokisela, kuyo yonke into eyenzekayo uhlale uyazi ukuba ndiyaku thanda” Her: “uyando yikisa mna ngoku, khawude uthethe lento ufuna ukuyithetha” Me: “uhm okay, uve ngabani kuqala ukuba andiyanga emsebenzini?” Her: “I jumpbag ne drugbag zakho bezilapha endlini ngoku besizotshintsha no Lathitha and kwabe kukudala u Ayanda ethe ubizwe emsebenzini, then saqasha I cab saya e club(ini) no Lathitha no Siyanda sabona o Ayanda no Vuyo nee tshomi zika Ayanda ubungekho wena andiqondi basibonile futhi no Vuyo ngoba siye sakhawuleza sahamba , siye sabona ukuba ayo ndawo efanele thina leya so ubusithini yintoni le ufuna ukundixelela yona?” yho hayi bendiyibhatyazile le way, and bekungasekho kujika ke ngoku, Me: “oh, uhm…last night ndiye ndalala no Zenande I-“ Her: “what??” watsholo phantsi, amehlo akhawuleza agcwala iinyembezi, Me: “bab-“waphakamisa isandla, evale amehlo Her: “stop!” I voice yakhe ibingcangcazela, iinyembezi zizehlela ndase ndazi sola ukuba bendimxelelela ntoni “ungayenza njani into enje kum Liqhawe, undilanda ekhaya wakugqiba undishiye uyolala nenye intombazana ndikhona Liqhawe? Xa ungasandifuni kutheni ungavelanga wandilahla kunale uyenzileyo? Yintoni endiyenza wrong Liqhawe? Andikonelisi? Ndiyabanda? Ndiku nike intliziyo yam yonke wenzeni wena ngayo? Uvele wayishwabanisa wakugqiba wandi jula ngayo” ebethethela phantsi man ebevakala ukuba uva kabuhlungu, ndase ndane ntliziyo ebuhlungu nam ngoku Me: “ndiyaxolisa nana, asoze iphinde yenzeke I promise” ndithe xa ndizokumbamba isandla waphakama, nam ndaphakama ndisondela kuye wabe ebhekela enikina intloko Her: “u-ungasondeli kum!” Me: Oh! Uhm okay” ndamela kude kuye, Her: “Niyisebenzisile I condom?” Me: “YES!..yes we did, ndiya xolisa nyani baby bendinga qondile ukukuvisa kabuhlungu, nam andizazi ukuba bendingenwe yintoni, ndithanda wena Sinovuyo wena wedwa ndimxelele naye u Zenande ukuba a-“ Her: “andiku kholelwa yazi wena, uhlala ubusuku bonke nomntu othi awumthandi, ushiya lomntu u claim(a) ukuba uyamthanda waku gqiba ufune mna ndiku kholelwe?njani?” Me: “nana nd-“ Her: “khawuphume Liqhawe uyandonyanyisa njenga ngoku” watsho ekhomba emnyango Me: “Baby-“ Her: “I said GET OUT DAMMIT!” she yelled…yeah right, ndigxothwa kwam ngoku.. I sighed, ndahamba wabe elandela emva kwam ndaphuma eroomini wavala icango emva kwam ndava kukhala isitshixo, ebezitshixele ndahamba ndaya e kitchen xa ndizongena ndeva abantu aba ngathi baya xabana ndasondela ndama emnyango ibingu Ayanda no Lathitha, ndangena ndahlala kwi high chair La: “usisi febe mos nangoku, wakhe wambonaphi umntu ozalela I brothers xa engesiso isifebe” Aya: “ungakulinge uzobiza u Yonela kanjalo wena uyandiva?” La: “Or what-“ Me: “ENOUGH!” ndabetha I counter kwathuleka, bebendiza entloko xa beboba bini worse bendine stress zam “wena Lathitha ndandi theni ngoku biza abantu ngamagama abheke ecal-“ Her: “hayis-“ Me: “yey wena ntombazana, ufundiswe ngubani ukundiphazamisa ndisathetha?” Her: “kod-“ Me: “Lathitha?” Her: “uxolo bhuti” Me: “andizu phinda ndithethe into enye nawe yeva, PHUMA ezindabeni zabantu” Her: “WHATEVER” watsho nge chik wayosithela e livingroom, ndahlunguzela intloko ibiqaqamba kwayona, u Ayanda wazo chopha ecaleni kwam Aya: ‘yikhuphe yonke” Me: “inton?” Him: “le ikutyayo” Me: “eish sonny, ndi confess(ile) ku Sinovuyo, ndase ndazisola sendi gqibile uba ubumbonile indlela ebengayo ngoku ndimxelela le way, kubuhlungu ngaphakathi kum mfethu” Him: “I know kubuhlungu, kodwa wenze into e right, ayikho healthy I relationship eyokhiwa phezu kobu xoki, ne ne secrets…wena nje qinisekisa ukuba ayi phinde yenzeke lento uyenzileyo, I can see that you really love u Snono, tshintsha iindlela zakho bro before akulahlekele” Me: “yeah ndiyakuva doctor Love, ndithini ke ngoku, ngoba undigxothile eroomini wazi valela pha” Him: “myeke ehlise umoya, angeke wenze nex xa sezi emotional ezi way, xa sehlile umxelele indlela omthanda ngayo uze uguqe ngamadolo uba kunyanzelekile, yazi ukule ngxaki nje kungenxa yam ndim oze nale idea yoba niye kwam, hade bro” Me: “no man, awundityhalanga ukuba ndilale nala way ndim oziyeleyo” bendizu kwazi uku tyhola abanye abantu ngezenzo zam, bekumele ndijongane neziphumo zazo ngokwam, ndilungise I relationship yam no Sino. #Unathi
Posted on: Tue, 20 Jan 2015 21:25:57 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015