Chapter 106 I was happy after reading that message. I - TopicsExpress



          

Chapter 106 I was happy after reading that message. I tried calling Vuyo back but the number did not go through. “Shit” Benathi??? I can’t neglect my baby now. Eish, but I still feel strongly for Vuyo. Do I tell them both of this Dilemma or should I keep it to myself? What if I tell them and then lose out on both of them, okanye I keep quiet and then in the end they find out? Still I hurt people and myself and then I lose them both. It’s a tough one nakweliphi nha icala. Let me call Benathi and let him know, hayi it’s better the truth. I will beg he does not leave me qha, and I know he loves me so he wouldn’t dare let go, I was convincing myself. I dialed his number and he picked. Me: My B Benathi: Hey angel (sleepy), how’s Margate? Me: Can’t complain hey, you won’t believe what we did. Benathi: There we go again, lol, tell me. Me: So we were playing a prank……..Kedi is still so mad at us. But she is better now. Ude wathi we could cut her legs off but not “THE EYE”. Hahaha Benathi: Hahahaha. Animameli kodwa baby yazi. Kutheni nizontlonta abanye abantwana kulelwe? Hayi ndinincamile. Me: Hayi wethu, besidlala mos, making the trip fun. That was the whole point mos. Benathi: But kaloku nimoshe ilihlo lakhe and ayikhomnandi lonto kuye. Me: Alinanto Bee. Anyway I wanted to tell you something.. Benathi: Yho sundoyikisa, yintoni nana waserious kangaka all of a sudden? Me: Hayi wethu, uhm, before you came along I had a boyfriend called Vuyo. After about a month of meeting he engaged me and I accepted. He had a wife called Luvuyo…….. and one day I found him cheating with her………. So he opted to go oversees for his job and to get help, it was supposed to be three years but now after less than a year he is back and I think he wants to fix where him and I left off. So yeah. I’m so sorry…. Benathi? Hello? Hello? Yho Benathi had dropped the phone on me. He has been quiet the whole time ndithetha not even disturbing me one bit. He is taking this worse than I thought, yhoo. Ha ah andinokwazi umshiya kaloku uBenathi sendimthanda kangaka. Phofu andikamxeleli lonto. Inoba kwalento ndingazange ndatsho kuye uba ndiyamthanda uvele wayidibanisa yonke lonto enqondweni yakhe. Yhooo ayabibuhlungu intliziyo yam. Ndibone with one tear coming out of my eye, ndabe ndizama uziqinisa, praying the cam guys don’t come to me. ndiye ndazosula and went back to join the crew kuselwe, that’s the only way I can shift my mind off Benathi and Vuyo for now. Bendi-pretend-a ke kodwa all along. Aviwe caught on wandibizela ecaleni. Aviwe: Yintoni wavele wangabiryt after going off? Me: (sniffing). I’ve hurt uBenathi friend and andiqondi uzophinda afuna undibona. I told her the whole story, noba uVuyo is back in the country and wants to see me. Uvele waxakana nento naye. Aviwe: Yho Friend andiyazi lenyifi nyifi uzothiwani. Khona wena umxelelelani uBenathi ngoVuyo? Ubucinga uzokuvuyela? Hayi friend udom kodwa xa ufuna yazi. Me: (Ndayeka kwa ukhala) Haibo Aviwe ndikhala mfondini usandigcwalisela? Kodwa chomam unjani xa unje. Aviwe: Uyayazi ba andisugar coat-I kemna. Hayi masiyosela wethu ukhe ume ngedrama yamadoda. Me: Yehake mntakaRhadebe. Wowu. Yhe friend? Aviwe: Yes Doll. Me: Ithini into yakho nalamfana wawukhe wandibalisela ngaye. Aviwe: Eish friend, now ususa leTopic yakho. Lol. Hayi. Me: Thetha Aviwe, kwenzekantoni? You happy nowadays. Thetha. Aviwe: Fine, we dating now. Besibonana ngoku ngoku ndisepha ePTA. He’s the greatest Zulu guy I’ve ever met shame. Me: Mhhhh, ubungandixeleli mfazi? Hayi suka.I need to meet him. Aviwe: Khoyeke uthanda indaba ujongane nendaba zakho. We laughed, then my phone rang. Ndiye ndamshiya uAviwe to go answer yena waphindela kwiCrew. It was Benathi Calling me. Andoyika Bawo, uzondithuka athini? Benathi: My baby Me: (Ndixakiwe loluthando olungaka after all of that). You dropped the phone on me. Benathi: Uxolo baby, my battery died, u were saying before you met me what? Me: Errr, hayi akhonto. Benathi: Thetha kaloku. Me: ok, before I met you I did not think I’ll love someone again. I love you yeva (my heart sank as I said that). Benathi: Oh wow, you never say that. I’m touched Luu wam. I love you more baby. Me: Ok B, let me go. Take care. What a relief. I felt the weight off my shoulders. Yhoo andisamxelelanga yhuu soze shame. I Can’t afford to lose him, not yet. So the night continued with very minimal sleep. Besibalisa around the fire braaing some marshmallows. And then swopped gifts. Hayi bekumnandi shame. The next day we packed our clothes and got ready for the road to the EC. The crew dropped up off at the busses we hugged and separated. Siye safika eMthatha sama at the Shell garage for refreshments and Aviwe was almost left by the bus. Ibiseyihamba infact, I was begging labhuti amlinde, She decided to be hard headed naye lo, waiting for everyone to get out coz ebengafuni unqubana nabantu. Nazo ke iziqhamo sokuba nentloko elikhuni. Iye yahamba la bus ndingamboni okwam, ndithe ukumbona seke baleka ndakhwaza kuDriver uba nankuya, isidenge sishiye nephone yaso kum. Uye wayifumana ngapha kwendlela ibus. Had she stayed a second later besizohamba ngaphandle kwakhe. Uye wangena enxoliswa apho nguladriver, Cing’ba ukhe wamnaka uAviwe? Uvele wacaphuka ngenxa yoba lomntu umbalekisile. Wabe nyani ekhefuzela apha ecamkwam ndimhleka. We got to King later on, salandwa nguMama kaAviwe. Ewarm encumile apho. Still looking as stylish as ever. Ebendichaza lomama. Siye sahamba nyani sayofika eBisho. uAmanda uthe ubona imoto wabe sekeyileqa oku komtana obona umamakhe evela emsebenzini. Uye wafika etsiba tsiba esihugger. Sakhe samhleka wethu, ebengasaxhwebe. Xa simxelela asiphoxe. Iye yakhala iphone yam yabe unguvuyo with his old number. Ndancuma and excused myself kwiLadies. Vuyo: Mrs Rhodi Me: Baby wam Vuyo: Ukowenu? Ndicinga ukuza ngomso ndizokulanda. Ndifuna sikhe sizikhuphe maan sikhumbuzane about the first time we met. I believe I’m fully ready for you mkam, this time soze ndikumoshe tuu. Me: Yho baby ndikuloAviwe, kukho umcimbi esuwuzele apha. Vuyo: Even better, ok ndicela ukuzokulanda ke. Me: Hayi kaloku baby ndifika namhlanje apha and abantu abadala bakhona. Sizothetha apha evekini vha. Vuyo: Ok ke baby, ndiyakuthanda yeva. Me: I know baby. We hung up. he was so much calmer uVuyo. Yho I felt bad ke kodwa. Yintoni le ndiyenza kwabantwana babantu, iworse uBenathi ongazange andimoshe nangemini enye. 5 months later usandithanda lanto inye. Oh Bawo ndixolele undibonise indlela oh yhini kaloku. I put my phone in my pocket ndafake-a ismile and went back to the ladies. Amanda: Ye sana, khanilungise siyeni eMANS. Kukho into eyenzekayo pha. Me: (in shocj I turned to Aviwe) Oh yini Aviwe sifika mfazi. Noko friend lets pass today. Aviwe and Amanda: UQALILE!! Aviwe: Shiyeka friend ndiyahamba mna. Bahleka!!! Yaqala ke inkathazo madoda. Niyayazi nani eyalaMANS.
Posted on: Fri, 11 Jul 2014 10:29:46 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015