Chapter 6 uMama ebeseyindixolela futhi ke nam - TopicsExpress



          

Chapter 6 uMama ebeseyindixolela futhi ke nam besendiziphethe kakuhle kakhulu. Ekuseni bendivuka ndondlule, ndihambe noThando siyosenga inkomo ndenze itea for umama uThando ayokolusa ke yena, kodwa bendiqale ndimenzele ukutya naye. Bendiclean-e endlini ndidustishe. Besivana gqith ke noMamam ke ngoku, sincokolo ngento yonke. Xa ndiqgibo kuclean-a bendiye ndiye emlanjeni ndiyokukha amanzi, futhi ndikhawuleze ndibuye. Bendikhe ndababona ke ooZipho sadlala nje kancinci ndathi kumele ndihambe. Bebevele baxakwe ngoba kaloku before bendingalijongi kwa ixesha. Kanti noZanele noObuhle baye baze nonodoli babo bafune sidlale, ewe ke ndidlala apho nalapho qha umatches ndidlalela kude kunawo. Uba bendiphumile ndiyodlala, ngo4pm sendibuyile endlini ndilungisela upheka ipapa nomfino okanye nekhaphetshu. Inyama ke apha ekhaya siyitya ngeCawa xa sixhele inkuku. Asifane siyitye. Bendisapheka ke apho uBhuti Nqazula engena endlini esober kodwa ehlile ngomzimba. Bhuti: Molo phelo likaMama (Yho andaxakwa) Me: (ndididekile) Molo Bhuti. Bhuti: Uphi Uma’Ndlovu? Me: Ebesaye pha phesheya kwaMam’qwashu uthe akazuhlala ke kodwa. Awulambanga. Bhuti: Hayi ungandipha ukutya mntase uba uyafuna. Ndamjonga, ndakhupha ikomityi yeOrnamel nesitya ndamenzela ikofi nesonka sombako. Yho akatya shame, ingathi kudala wakugqibela ukutya oku. Wacela ndimphinde, ndamsikela shame kwesi sangomso besendimsizela. Me: Uvelaphi Bhuti, kudala singakuboni. Bhuti: Bendiyojonga amatorho edolophini. Kodwa khange bubemnandi ubomi bakhona. Ihoki lam bade balitshisa ababafo. Me: Yho, ungasuka apha endlini uyohlala kabuhlungu ehokweni pha edolophini, kutheni bhuti? Bhuti: Bendifuna umama abone uba ndiyakwazi uzimela. Kwaye ndingakwazi ukhathalela usapho lwam. Me: Ngoku ubuya wome kangaka Bhuti? Jonga nendlela ulambe ngayo, engathi kudala wagqibela ukutya. Bhuti: Hayi wena mntase, ndizama zamile maan. Bendincamela ungatyi. Watsho wangena umama egate-ini sisancokola, phofu sim’va ngelizwi Mama: Yhini madoda, abanantloni abantu, umntu elambe oluhlobo kusekho abantu abazobeka ikiriva ezigcwele iplastic zokutya pham’kwendlu yam. Uthi uba ndingazithatha ezonto otho’gqiba ndithi andizazi angathini? Suka, makazothatha into zakhe lomntu, Neliswa, Neliswa? (undikhwaza esesegate-ini ngeloxesha, ndiye ndavela). Me: Mha. Mama: Ngowuphi loNqesta ocing’ba angazobeka ikiriva yakhe apha kwam? Yini le, ndizihluphekela umntu endilinga. Osatane baze ndlela zonke ndincamile. Me: Hayi andazi nam mama. (waphuma uBhuti emyango). Bhuti: Molo mama Mama: Yini le (othukile), wena ke uvumbuluke kowuphi umxunya. Nqazula ubuphi ixesha eli lonke. Iinyanga Zine (enyusa iminwe yakhe ey’4) ziqenqelekile awuthiwa tshe nangubani nha. Bhuti: Hayi maan mama bendisayobamba bamba apho nalapho. Mama: Ubamba ntoni? Wazini ke wena ngoBamba bamba? Bhuti: Hayi mama ndizibonile uba ndiyakhula futhi kumele ndimise inqondo. Mama: Hayi khome singene ngaphakathi sithethe mntanam. Andiqondi noba uphilile ke ngoku. Wena uthethe oluhlobo? (wajonga mna), Neliswa khondincede mntanam ususe lakiriva imdaka egate-ini yam, yini le. Ndalingiswa ngokudla kundinqabele kangaka. Bhuti: (Smiling), hayi mama ndiyiphathele wena lakiriva. Mama: Yini le, ngemali ubuyithathaphi? Bhuti: Kaloku mama bendithe bendiyobamba bamba yiyo lento bendingabonakali. Mama: (Sekeyiyizela ke ngoku). Yhe madoda, inqondo zalomntana zibuyile nyani. Uthini nha apha kum Nqazula. Neliswa khopushe lokiriva mntanam ufake ezizinto apha endlini oMakhi bengakazi uzocela loGrosa yonke. Ndaphusha nyani, umama noBhuti besebengenile endlini. Ndakhupha neeplastics. Bekukhona namaCheese curls, yho bendingasavuyi. Oh bethuna ubhuti wam. Bekukho ne plastic ibinempahlanyana zakwaPep. Ndayithatha, umama ilihlo leza ngakulaplastic. Mama: Ewe maan ndoda… yima, Neliswa sapha mntanam loplastic, yintoni leyo. Khoyisapha yona nontombi. I took it to her wayivula. Bekukho nenye yakwa Sales house ngaphakathi. Umama took out iblouse entle emnyama yoomama mntakwethu, wakhupha nescarf esihle sineflowers kule yakwa Sales house iplastic. Wavula le yakwaPep. Oh bethuna ubhuti ebendithengele ilokhwe entle ebovu eneflowers neflops ezintle. Yho ndizazinxiba ngeKrismesi ke ezi. Ebephathele uThando iteki, nomye ushorti neskipa. Oh shame umntanasekhaya uzotsho ayeke uhlekwa ngooScathula ngeblukwe zakhe ezidabuke iz’bunu. Ngeloxesha naboScathula bayahlupheka ok’kwabo kodwa bayakwazi uhleka abanye abantu. Uye wakhupha nonontobeko abalingene yena umama nepanty enkulu nezinye zam. Mama: Dlamini, Zizi,Jama kaSjadu, Mabetshe, Bhanise, Ngxib’inoboya. Tsii madoda. Ukuzala kuzolula. Yhini mntana (sekefixiza ke ngoku luvuyo), undenza abantu ebantwini Ndoda. Ndiyeke uhlekwa nangubani nha kulelali. Ndinazo NeeBlumaas zotshintsha ke ngoku, undenzile ndoda, oh Bawo ndiyabulela ngento yonke. Bhuti: (encumile shame) Kokuncinci mama ukuba ndikubulele ngokumelana nam ndigeza kwaye ndibeyindoda kwelikhaya. Mama: Ewe ke mntanam, khosebenzisane noTam’ci kaloku, nibonisana nje ngamadoda alapha. Sukumlwa nawe, nantso exabanisayo kwelikhaya. Kanti kumele sithethe sonke sivane. Bhuti: Hayi ndiyakuva mama. Ndizenza njalo. Errr mama. Mama: Ewe ndoda Bhuti: Emvakwe Krismesi kuzomele ndiphindele emsebenzini. Kodwa ke ndicinga uvukela ngapha ekhaya. Ndihambe njalo ekuseni ndibuye xa kusihlwa nditshayisile. Mama: Akunani ndoda. Sendivuyela na le ukwazi uzimela kwaye usimela nathi. Yho bekumnandi shame kuthi, sihleli sincokola. Uye wafika uThando esidaleni sekeqhuba iinkomo, phofu ndimva ngomlozi ekhwazana noJohn (favourite cow yakhe) ndamncedisa sazivalela es’bayeni. Ebediniwe shame embatshe ede exwebile. Thando: Yho, ooZamani bafuna ndibuye nawe yazi. uScathula uyasidlisa pha. Yinkomo labra, nxa. futhi undiwisile kanjani namhlanje. Ndizayifumana ngomso lanto. Me: Uyayazi uba umama angandibulala, kwaye siyavana ngoku andifuni nomosha…. uBhuti ukhona. Thando: UBhuti? Uvelaphi? Oh uyakwanxilile neh? Me: ha.ah, uSober. Uze nokutya kwalapha endlini. Yho ukuphathele nempahla sani. Thando: Uyaxoka, uzoqhatha abeqhathekayo sani. Ndiye ndaleqa uya endlini ndamshiya engandikholelwa pha, yho uThando naye waleqa emvakwam wandishiya wangena kuqala endlini. Ewe kaloku yindoda so uyandishiya xa sibaleka. Uthe xa efika wagileka kuBhuti nyani. Wama wamjonga. Thando: Yho bhuti kanti nguwe nyani (wamxawula isandla). Bhuti: Molo Small boy. Thando: Hee hayi bhuti sendimdala ngoku, ndiyazolusela imfuyo yam. Bhuti: (edlala ngentloko kaThando, uThando emane ephepha) Ngubani othe ngeyakho sani? Yhe? ha ha. Thando: Kaloku bhuti ijongwe ndim nje. Bhuti: Hehake, Zingaphi ngoku ezinkomo nezigusha? Thando: iinkomo ziyi 10 Bhuti, 11 ngoJohn, igusha ziyi 9. namathole amabini. Bhuti: uJohn ude umbizela ecaleni, ha ha. Hayi uyasebenza nje Boy. (wancuma uThando). Yithi uNeliswa akunike izinto zakho. Ndabaleka ndayomkhuphela. Umama ebesekamereni yakhe ke yena enqenqile. Ndazithatha ndanika uThando. Yho ebesengavuyi ezinxibile. Ebesithi angeke asaz’khulula. Uye wafika umama esadanisa apho uThando ngempahla zakhe. Mama: Yho awusemhle ndoda. Tshi umdaka unje kanti, hampa hambokhulula ezompahla engekazincolisi. (watsho ejonga ekitchen). Awukaphaki nha ntombiyam. andilambe ndiyafa. Me: Ndiyophaka ngoku mama. Bhuti: Eh mama, Mama: Ewe mntanam Bhuti: Bendicela ubambe apha Uye wamnika iEnvelop ebrown. Mama: Yintoni le (eyivula). Yini Yini Yin bakwaNdlovu. Engaka mntanam? Hayibo. Bhuti: Ndiyathemba izakuqguba mama for inyangana noko. Mama: Oh undenzile sana lwam. Hayi usikeleleke ngokuphindeneyo. (Wama ngenyawo umama, wamphuza emlonyeni) Bhuti: Hayi maan mama. Noko sendimdala for uphuzwa. Mama: He heeee. Usengumntana kaloku. Ndeza nokutya kwatyiwa kwamnandi. Ndahamba ndayohlamba izitya ukugqiba kwam. Bhuti: Mama ikhona into bendifuna ukuxelela yona. Mama: Yintoni leyo mnatanam? Hayi kaloku sowenze ngokoneleyo yhini le (encumile umama expecting something) Bhuti: Ndimithisile Wabamba umlomo wakhe umama waqhala amehlo wakhe kukothuka. Hay’ke sana. Yeyokugqibela noko ubhuti le.
Posted on: Tue, 19 Aug 2014 09:23:01 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015