Insert 16 Mahle: I wonder umithiswe ngubani lowa.... Me: lol - TopicsExpress



          

Insert 16 Mahle: I wonder umithiswe ngubani lowa.... Me: lol xa umkhathalele ngantoni? T: aibo ngumntana wakowenu mos lowa...ndamjonga kakubi ngoba he knows how badly Sinazo treated me ngokuya ndihlala kowabo, kutheni ngoku uThembelani wangathi ufuna ukumthethelela nje Me: yinto ize ifike ithini ke leyo?...ndabe ndidikwe nyani T: hay baby bendisitsho nje Me: mm...mxm lwavele lwamosheka usuku lwam kengoku kusobuya eza bad memories zezinto ezandehlelayo kulamzi. Siye sahamba oko ndithule mna bencokola bodwa, that night when I got raped kept replaying in my head T: nana uright?...ndothuka xa endibamba engalweni Me: ewe ndiright...waphinda wandibamba, kwavele kwabaleka igazi kwangathi ndibanjwa nguMzu, ndabhekela T: aibo Pelo yinton?...wandibamba ingalo Me: khawundiyeke maan Thembelani!! Awuboni ukuba andifuni ukubanjwa? Yintoni lento amadoda angamvayo u-hayi? You always want to force things...andifuni ke sukundibamba!...ndazxhuthalaza, babe bexakiwe bobanini ukuba ndise ndathini Me: futhi ungajika ngoku sizoba right T: kanti Pelokazi yintoni?...ndabe ndimbona ukuba ukhathazekile kodwa I couldnt help it, ingqondo yam yayigcwele zonke izinto endazenziwa kulamzi. Kwavele kwangathi izandla za, zigcwele igazi lika Mzu and my dress as well. Me: Mahle ndicela sihambe torho...sendiciphiza inyembezi T: Pelo utheni?....wasondela mna ndabhekela Me: Thembelani jika mani!!...wandijonga kalusizi ogqiba wajika. Sahamba noMahle oko kuthilekile apha endleleni, ndimane ndifixiza nje. Ndandingaz ba kwenzekantoni kum, I couldnt get those things out of my mind. Safika endlini ndasela amanzi ogqiba ndayolala eroomini yam. Weza kum uMahle walala naye, I tried to stay calm, ndicinge positive thoughts kodwa ndohluleka, I cried silently and Mahle held me from behind caba sebiwe bubuthongo salala. Sivuswe ngumama xa ekhwaza elounge, ndavuka ndaya kuye. Ndabe ndiphethwe yintloko kanjani Mama: nilele na...hay Pelokazi yintoni ngoku wadumbisa amehlo? Me: abuhlungu mama futhi ndinentloko...wabeka isandla sakhe ebunzi Mama: yho uyatshisa lonto leyo, yiza...ndamlandela ukuya ekitchen, ndahlala phantsi, wabeka itowel entloko then wandinika ipilisi zoba ndisele. Ndazisela ke ogqiba wathi ndiphinde ebhedini ndizovuka ndiright. I went to my room wabe uMahle ethetha efownini neboyfriend yakho, ndakhwela ebhedini ndazama ukulala. Wagqiba uthetha efownini uMahle Mahle: chomi? Me: mm Mahle: yintoni le ongandixeleli yona? Me: utshuba? Mahle: come on, uT uye wathethelela uSinazo nje kancinci and you just snapped. Phofu ubemgamthetheli ubesitsho nje Me: so from all that you figured ba ikhona into endingakuxeleli yona? Mahle: youre a cool calm and collected person, you just lost it Me: mm....she turned me around, ndamjonga Mahle: khathethe Pelokazi, yintoni ingxaki yakho? Ude umshoute kangaka omnye umntwana, he was hurt Me: mxm ukhathazwa nje kukushoutwa kayi1 its nothing compared to what Ive been through Mahle: which is? Me: khayeke tana Mahle ndifuna ukulala...she breathed out loud Mahle: uzothetha when you are ready Me: okay....ndaphinda ndazama ukulala kodwa hay maan ingaphumi tuu lento engqondweni yam. Ndajika ndajonga uMahle futhi Me *teary*: Mahle.... Mahle: yintoni chomi?...I cried and she just held me ndade ndaziva ba ndiright kengoku. Me: ndifuna ukuxelela yonke into Mahle: okay...ndambalisela everything njengoba injalo. She was crying too Mahle: hayibo Pelo kwakutheni ungatsho mfana...ndathula kemna Mahle: Im so sorry my friend. You dont deserve lento eyakwehlelayo. Yini lamakazi bendiyaz ukuba ukhohlakele kodwa le yona into? Hay shame ingapha kwamandla...she hugged me again Me: at least ndafumana abantu abaright Mahle: oh nkosiyam, God Bless abazali bakho...ndancuma, ey God bless them nyan. Wasibiza umama later ba siyotya. Satya then sahlamba izitya sayolala. Wafika uMonday, wabe uMahle ehambe Sunday yena. Xa ndifika esikolweni uNolly was waiting by the gate. Ndafika ndambulisa, wase waqumba umntu Me: eh Nolly yintoni ngoku? Nolly: caba bekumnandi uhlala nechomi yakho ne? Yiyo lonto ungakhange ufowne Me: wena bekutheni ungafowni xa ubundifuna? Nolly: caba khange undicinge tuu? Okay Pelokazi sendiyabona ngoku Me: ubona ntoni?...ndidikiwe Nolly: le chomi yakho uyithanda ukodlula mna Me: mxm ayikho ke lento uyithethayo ngapha koko andinaxesha layo Nolly: mm okay...ndamshiya esame apho ndaya eclassini, kwade kwakhala intsimbi saya kwi assembly. Yaphuma ibreak yokuqala, ndayohlala ndodwa endaweni yam kuba uNolly wayehleli namanye amantombazana phofu la ayesihleba apha ngenye imini. Ndazihlalela ndodwa, ndabona uT esiza kum, I suddenly felt so bad about the way I treated him, ndase ndanentloni T: molo Me: ewe T: unjani namhlanje? Me: ndiright wena? T: ndishap....kwathuleka T: eh so iphi ichomi yakho? Me: undiqumbele so.... T: right...kwaphinda kwathuleka Me: nawe undiqumbele? T: kancinci.... Me: uxolo T andiyaz ndandingenwe yintoni, I didnt mean to snap at you like that T: akukho ngxaki sthandwa sam, ukhule kanzima and I understand that you will have your off days Me: kodwa that doesnt mandikhuphele kuwe izinto zam T: xa ungazikhupheli kum, uzozikhuphela kubani...ndancuma and he smiled back Me: Im really sorry... T: ndikuxolele nodoli wam omhle...I blushed and he baby kissed my lips Me: haaa T esikolweni T: ungowam kaloku wena.... :) Waqhubeleka unyaka kungenzekanga anything special. NgoSeptember ndaya kuThuli eMontu, kungemnandi maan, noFezile wabuya eBhayi wandikhuphela etown ngenye iweekend, andambuza tuu ngoSinazo even though ndandirhalela nyan ukwazi. Sabhala ifinal exams sagqiba, wabe uT esabhala ke yena since esenza imatric kodwa wade wagqiba, besihlala sobabini oko xa abazali bengekho kodwa bendisiya kowabo. Besimane sitshintshiselana ke noMahle, ayohlala ekhaya nam ndiye kowabo. Ubesithanda ke uThuli efuna simbalisele ngeendaba zethu sometimes asikhuphe siyotya etown, nobhuti Fezile too. Yafika ichristmas yadlula, uMahle wayityela ekhaya then iNew year ndahamba nabazali bakhe kwayiwa eDurban, yho kungemnandi mntakabawo. Heee sendisuka eMonti nase Durban :) ndazibona ndingumntu nam. Sabuya apho, zahamba iiveki laphuma iphepha, wabe uThembelani wam epase kakuhle kanjani, yhu ndingasavuyi. Ndamfownela kwangoko, wayevuya naye, wathi ndiye kuye ngengomso ikhona into afuna ukundixelela yona. The following day, ndenza nje ngesiqhelo bahamba oomama nam ndayindlela. Ndafika ehleli yedwa, saya ekamereni yakho. Yey akandifunxa umfana sade sakhwela ebhedini, wabe endibambile uT endincamise, sendiqala nokuphefumlela phezulu, kubaleka igazi okungathi ndichoke(we) ngumbane. Wandincamisa kamnandi emqaleni wabe ephakathi kwemilenze yam, ndiyiva into yakhe indihlaba phakathi kwamathanga, ndanxibe ilokhwe. Wandibamba emathangeni emane endibrusha. Emva kwexesha ndamsusa, wandijonga. Amehlo akhe ebomvu futhi enciphile Me: uthe ikhona into ofuna ukundixelela yona? T: ja ikhona...uhm awuyifuni into eselwayo? Me: ha.a....I was so flushed yho T: okay...he took both my hands wandijonga kalusizi Me: T uyandoyikisa kengoku, yintoni? T: bendi apply(e) eDurban for university and ndifumene iletter ethi ndithathiwe so..... Me *teary*: uyahamba kengoku? T: ewe sthandwa sam...I started crying sulila kaloku baby tana Me: uhamba nini kengoku? T: ekupheleni kwalenyanga...ndalila even more Me: T uyenza njan into yoba undishiye? T: kufuneka ndifundile kaloku Me: sikhona mos isikolo nalapha emthatha T: uxolo sthandwa sam, andithandi xa ukhathazekile kangaka...he hugged me. Yho hay yi last number ke le kodwa ke I couldnt hold him back from fulfilling his dreams. Athi xa engenzi lento ayifunayo, asole mna :( yayibuhlungu intliziyo yam kodwa ke I had to let him go. We kissed again then just laid in each others arms :( :(
Posted on: Sun, 31 Aug 2014 10:33:36 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015