Insert 2 Ngemini elandelayo.. UPhilani bekungona afikayo - TopicsExpress



          

Insert 2 Ngemini elandelayo.. UPhilani bekungona afikayo kokwabo,uYolisa ebesele ekruqukile ngokwaneleyo...ebegqibo hlamba ekroba efestileni,Ebona umyeni wakhe engenisa imoto emkhawulela, ebephethe ibrush yamazinyo esandoxukuxa, esima apha ecaleni kwendlu,,uPhilani ephuma encumile ngeloncumo,othi noba sowunomsindo uzixelele ukuba umfuna apha uzomtya ngamazinyo use utyhafe.. Philani:Sithandwa samEmncamisa esidleleni Yolisa:uyazibona? Philani:ndixolele kaloku mntuwam,ndilibaziseke emsebenzini,bafune ndizise amaphepha namhlanje ekuseni ndaqonda andinokwazi ukuza ngapha.. Yolisa:Masingene endlini.. UPhilani esondele apha kuye emphulula isidleleNana Yolisa:yintoni mntuwam? Philani:kutheni amehlo edumbile? Yolisa:adumbile?hayi inoba ndileli kakubi Philani:ubulila? Yolisa:ha.a khange ndilile mntuwam Philani:ungandiqhathi ke Yolisa:kungoku ubufowna usithi awuzi,masingene endlini Philani:uyatefa kodwa nana.. Bengena endlini uYolisa efaka izinto zikaPhilani kwi wardrobe... Philani:ndincede ndafika sewuhlambile,masambe ke siyothenga ezizinto ubuzifuna.. Yolisa:ewe,ndifuna nezinto zothambisa.. Philani:thatha ibag kaloku sihamba Yolisa eyothatha ibag,bephuma... Philani:mandiqale ndiyotsho kumama uba ndikhona.. Yolisa:ndizokufumana apha emotwnei ke mna Philani:uzodikwa nje uba ndihleli iza maan Yolisa:Ha.a ndinentloko ingase ndihlale phantsiengena emotweni. Kube kungena uLinda egatini netshomi yakhe besizakuPhilanimntasekhaya yhu uyayihlala into kulatown Philani:ngumsebenzi kaloku,uba andikho pha soze nditye Linda:ufike nini? Philani:ndiyafika ngoku,qha ndiqonde uba mandingene endlini ndiqale kumama andikamboni.. Linda:ok ndizokubona xa ndibuya nam kukho indawo endiya kuyo Philani:kulungile keengena endlini UYolisa enyusa ifestile zonke zemoto ezitixa wavula umculo.... Linda:yehee akandikruqula lo ukulemoto Tshomi:masingene kaloku kuzode kuvalwe phabengena endlini _____________ UMamnci uvuke wahlamba impahla zomntu wonke,walandelisa ngesiqu sakhe watya,uNokhwezi nomyeni wakhe bebengaphangelanga bekushushu ke behleli kwitafile engaphandle, uMntana wabo uSihle ehleli apha phantsi...uMamnci efika nesiselo ebanika,wahlala phantsi naye Nokhwezi:enkosi sisi.. Sithembiso:lishushu elilanga,bekufanele siye elwandle Sihle:andidibani ke nelolwandle Sithembiso:zange ndakubona naxa uqubha ufanele Sihle:ayoyikeka amanzi.. Nokhwezi:Sisi.. Mamnci:ewe sisi Nokhwezi:besikhe sathetha notata kaSihle Nokhwezi:ewe sisi Nokhwezi:nje ngoba uhleli nathi apha sisi sikonwabele uhlala nawe,ayikho into osikhathaza ngayo oko wafika apha sonwabile, sikuthatha nje ngomnye wethu.. Ekhupha imvulophu Nokhwezi:besisithi masikunike apha,ngokuba sikubona uba zikhona indawo oye usincede kuzo Mamnci:hayi sisi bekunganyanzelekanga nide nenze njalo nam apha ndiyatya andibhatali Nokhwezi:ndicela uyithathe sisi.. UMamnci eyithathandiyabulile sisi Ibiyimali Nokhwezi:siyabulela nathi sisi... UMamnci ephakama esiya endlini eyoyibeka ephinda ebuyela kubo.. Mamnci:Bhuti,nawe sisi kulixesha ndilapha ndihleli nani,ningasazi isizathu zokuba ndibekulandawo benindichola kuyo,khange nibenalo nexesha lokuba nindibuze,ukuba bekutheni ze ndibepha,niye nandichola nandikhathalela nandenza lomntu ndinguye namhlanje,ngoku ndilapha ininzi into endiyifundileyo,uTHIXO,ukuziphatha,ucela uxolo,ubona into ezintle enizenzayo. Njengabantu abatshatileyo,akusuba ndinigadile ukuba nihleli njani kodwa ndiyanibona indlela enisebenzisa ngayo,usisi xa enze into ahlale nawe athethe nawe,hayi ukuziphindezela,ndifunde izinto ezininzi kuni... Nokhwezi:(encuma)siyabulela sisi,kuhanjwa kufundwa kaloku.. Mamnci:ndiyabona ukuba ixesha liyahamba,ndithathe isigqibo sokuba ndithethe kuni ngobom bam,njengoba ningandazi noba ndingowaphi.. Nokhwezi:besifuna uthethe xa uziva sisi,hayi unyanzelwa Mamnci:ewe igama lam ndinguNosizwe,Isiduko sam ndinguMajola uQengeba,ndizalwa nguMamntande,ndazelelwa eLudonga sizalwa singamantombi amabini,ndingowokuqala lo uza emva kwam nguMandisa umama notata ndabashiya besaphila kodwa andiyazi noba basaphila na ngoku,lixesha ndamka ekhaya.. Nokhwezi:ewe sisi.. Mamnci:ndatshata ke nditshatela kwaMaduna oMsuthu,ndaze ndanomntana uYolisa lo bendithetha ngaye,uneminya engamashumi amabini ananye(21),nguye yedwa umntana wam,emzini wam ndifike ingumzi omkhulu onosapho oluninzi,Umyeni wam ebenomnakwabo ingumyeni wam omncinci,uNdima ke umntakwabo ebenomfazi naye omncinci kodwa kumelila... USihle emnika into yokosulwaSulila makazi Mamnci:umfazi wakhe ebenguNolufefe,ibisithi sobabini ke abafazi abancinci kwaMaduna,ndim owaqale wafika,sisi lento ndizonixelela yona,ukuba niyasizola ngoba nindichole mhlawumbi emva koba ndiyibalisile nizondijulela ngaphandle andiyi kunisola .. Nokhwezi:soze sisi sonke siyazenza impazamo.. Mamnci:uNolufefe ke ufike wathandwa emzini wam,ekokoswa esenzelwa yonke into kusithiwa usemncinci funeka afundiswe,ndibhekiswa ngapha nangapha kusithiwa mandimbonise kwenziwa njani,ndaye ndadikwa ndanomona ngoba besendingahoywanga,ndafikelwa kukungcola,ebendithanda yena endithatha nje ngosisi wakhe,kuthe xa endixelela ukuba bazama umntana noBhuti Ndima ndaqonda ukuba ndinomona,uzokhathalelwa ngakumbi,ekuhambeni kwexesha ndiye ndambona ukuba ukhulelwe kodwa ebengekaziboni yena,waqala wabonwa ndim,nam ndandingekabinamntana.. Nokhwezi:kwenzeka ntoni? Mamnci:ndaye ndangenwa kukungcola,nditshomene nomnye umama kwalapha elalini,ndimxelele ngezizinto zonke ezenzeka endlini,ndamkhupha umntana wakhe,ndamva ngokuthi uyagula wanikwa izinto ke endlini zoba aphile waright,engazazi noba uphunyelwa sisisu,ndamvala ukuba angaze abenamntana ndandinomona. Sihle:hayi sisi uyenza njani into enjalo Nokhwezi:Sihle! Mamnci:ndaye ndakhulelwa ke emva koko uYolisa ndamzala,ndikokoswa ke emva kobeleka,kwenziwa lento bendingafuni yenziwe kuye kodwa zange bayeke ukumthanda,ndandithandwa nam kodwa ndandingaxoli,emva koba bezame ukuba nomntana iminyaka ke,ngoku uYolisa elusana ndisandombeleka,waye uNdima wachola umntana ke uKonkendinako wathathwa ke apho kugcinwa khona abantwana kwacaba bayamthanda ke,baphiwa yena bamkhulisa wade wamdala nalo wam... Nokhwezi:uKonkendinako lo bamchola ayingomntana wabo? Mamnci:ewe sisi,ndiye ke ndasebenzisana nabanye abafazi uYolisa emdala ke oko ndasebenzisana nabo,kwathiwa mandibulale umyeni wam kodwa zange ndikwazi ke,ndandifuna ukuphuma kokwakugcola kodwa ndingakwazi,utata uNdima uye wasweleka ke .. Sihle:ubulawa nguye naye? Mamnci:hayi waziswelekela wayenesifuba,waphathwa liphika wasweleka,mna notata kaYolisa siye sagcina indlu yomye usisi ebephangela kude kunasehlalani wacela uba simgadele,kulapho ke lomfazi ungumhlobo wam ahlala ngakhona,uNolufefe emva koba umyeni wakhe eswelekile kufumaniseke ukuba ukhulelwe, besendingaphathwa ngumona kengoku woba ekokoswa, ngoba ebesele enendlu yakhe ephumile ekhaya andiyazi ndangenwa yintoni ndandiphethwe kukungcola,ndaqonda akazobanamntana nalo anaye ndizombulala,ndamzama ke ndingade ndimfumane,ndade ndamfumana sekukudala kodwa zange asweleke umntana kwasweleka yena,wathi ukugqiba kwakhe ubeleka wasweleka into endandiyicaphukela yayi kukuba wayethandwa ngumyeni wam kwangoku enomzi wakhe ekokoswa uba engenandoda ndenza umyeni wam uba amcaphukela wayemonyanya engafuni nombona iyilento ndandiyifuna... Sihle:hayini bethuna,yhu ukungcola okungaka.. UNokhwezi elila,uMyeni wakhe ejonge phantsi... Mamnci:wasweleka ke,emva koko sathenga indlu,sahlala kuyo,sithe xa sizokwazisa indlu kwizinyanya uba siyivula zange ikhale inkomo ndandiyazi ukuba unobangela ndim,umntu endandisebenzisana naye wathi ze ndithathe igazi lalankomo ukwazi lizosetyenzwa,ndalithatha ke ndalifihla,uMandisa lo uza emva kwam caba ke waye walibona walibuza ndilisaphi zange ndikwazi ukumfihlela ndaye ndamxelela yonke into,ekumbaliseni kwam ke,kwaye ndakwafumaniseka ukuba simanyelwe ngomnye utata omdala wapha emzini wam,wayophaphama esibhedlele caba uye wavukwa yintliziyo,sayombona ke esibhedlele wabe endixelela ukuba uyayazi inyani,ndaqonda andinokwazi ukuphulukana nomzi wam nojongwa kakubi ndingangxothwa nasekhaya,ndambulala sisielila.. Sihle:(elila)Mama simgcina njani umntu okhohlakele kanjena?kutheni ung:- Nokhwezi:sihle vala lomlomo Mamnci:ndambulala sisi ngoba waye wabize noKonkendinako ezomxelela,wafika sele eswelekile,usisi noLufefe wayeno dade wabo omncinci kunaye uNosisa wayeligqirha,kodwa esathwasa,waye wakubona ukungcola kwam,ndamqaphela ukuba ikhona into ayibonayo xa sidibene, amehlo wam engagqiyami nawakhe,waye wandixelela ukuba ndinomoya omdaka wandichazela zonke izinto endizenzileyo,nobulala usisi wakhe,naye ndambulala sisi,eshiya umntana wakhe omncinci nomyeni wakhe... Nokhwezi:nkosi enofefe,bawo msindisi wam Mamnci:emva koko ndaye ndahlala kamnandi kungekhonto indiphazamisayo,sahamba kulandlu sasiyithengile ngoba ndandingahlelanga kamnandi kuyo,kwathiwa kwaMaduna masihlale endlini kaNdima ngoba kwakuhlala uKonkendinako yedwa,nomntana lo kamama wakhe,andizoxoka sisi sasimphethe kakubi umntana kaNdima indim noMandisa simphehluzelisa simphethe okwenja,uMandisa akazange andixelele ngomntana wakhe ukuba kwenzeka ntoni ngaye into awayithethayo kukuba wasweleka,nasemzini wam into kaKonkendinako yayingathethwa yaziwa sithi uba akazalwa ngUndima noNolufefe ,wamxelela ke uNdima ngoku ezosweleka,ezinye izinto ndinentloni ukuba ndingazithetha,lo mfazi ndandingumhlobo wakhe waye wabhaqwa ke uba unokungcola nabanye abafazi babanjwa ke bachaza nabanye nam ndandikweloqela kodwa zange ndibanjwe apho babulawa ke.. Sihle:wasindaphi ke wena? Mamnci:kwaye kwabizwa aMaduna onke,ndachaza inyani yonke nje ngoba ndithetha,wayekhona uTata noMama abantu bonke basekhaya nabomzi wam,Kwathiwa andizokwenziwanto,mandiphume ndiphele eHlalani ndingabonakali naseLudonga andingowapha,utata wathi ndingaze ndilibeke kwakhe ndangxothwa.. Sihle:ngebekubulele Nokhwezi:sihle hayi.. Sihle:waye wanjani umntana wabantu kengoku lo umshiye nosana elusana kwayena Mamnci:wayekhulelwe ngelixesha ndingxothwayo,saye samgxotha pha kokwabo phambi koba ndibhaqwe,wayohlala kwaMandisa,uba sasimbalekisela komnye umntana wayethandana naye,sifuna ahoye uYolisa Sihle:tshini,nanimthathela nendoda le yakhe,uyifunela umntana wakho Mamnci:emva koba ehleli kwamandisa,napha wayengaphethekanga kakuhle,andiyazi kwenzeka ntoni,uMandisa ngoku ndisemzini wakhulelwa ngoku ndisemzini waduka kanti umntana wamlahla akandixeleli nyani uthi wasweleka,kwafumaniseka ukuba nguKonkendinako lo mntana wakhe,ngelixa kufunyaniswa ukungcola kwam kanti kuzovela nomntana.. Sihle:yhuuu rhaa nidibene ngobubi,niphethe umntana kakubi kanti niyamzala anisamboni ukuba ngumntana wenu ngoba nisithwe kukungcola Mamnci:sasingayazi,kodwa ke uKonke wakwazi ukumxolela uMandisa,noYolisa zininzi izinto ezenzekayo endingaziqhenyiyo ngazo,ngezinye imini ingase ndivuke ndingesaphili,oko ndamka ke zange ndiphinde ndiye pha Nokhwezi:andiyazi ukuba mandithini Mamnci:ngalomhla ndidibana nawe ngawo,ndaye ndambona umntana kaNdima,kodwa zange andibone,ndakhawuleza ndasithela,ndibona umntana kanolufefe lo umncinci sele ekwazi nokuthetha ehamba,ndeva xa embiza esithi Onako ndasithela,ngoku wawusiza kum ndandicinga uyayazi yonke into ngam... Sihle:yilento ubuphambana,khange uphambaniswe ngumntu ubuziphambanela,ibinguThixo ebekohlwaya,ubusehlwaywa zizono zakho zobumdaka.. Nokhwezi:sihle suthetha kanjalo,ngumntu omdala lo uthetha naye kanje Sihle:ndithethe njani mama?okukuthanda kwakho usizela abantu uhambe uchola jonga ngoku ugcine isikhohlakali endlini,izigazi elingaka elisezandleni zakhe,bekufanele wabulawa hayi ukulahlwa awufanele kuphila maanephakama esiya endlini Nokhwezi:ndiyaxolisa sisi.. Mamnci:unyanisile akaxoli Sithembiso:yonke into osele uyithethile sisi siyivile,asinguye uThixo thina asinako ukukugweba,uThixo sele enze konke okwakhe.. Nokhwezi:akuzojikanto sisi,kum use ngulomntu ubunguye ungekathethi,ndandithe kuwe sonke siyazenza impazamo,futhi izono zethu kuThixo ziyafana zonke kwaye ziyalingana,umntu ufunda apho enze rongo khona uyeva?sula ezonyembezi uThixo ukuphe elinye ixesha ngoku,wakunyula ebubini wakufaka kwenye indawo kukuwe ukuba uguquke okanye uphindele apho wawuyeke khona kengoku sukuzisola ngezinto ezenzekileyo ongenokwazi ukuphinda uzijike... UMamnci ezegqume ngezandla zozibini ekhala engakwazi nozibamba wasitsho isikhalo sofelweyo.. Sithembiso:sulila jola konke kulungile ngoku.. UYolisa bebesele bebuya etown nomyeni wakhe bengena endlini bexhakazela zizinto... Philani:yhu kushushu into edikayo Yolisa:masizifake kulandlu ezi kaloku,kukutya Besiya kwindlu enkulu le kuphekelwa kuyo ihlala abantu,kukho uMama zala uNora,noLinda.. Philani:sesibuya ke.. UYolisa ezifaka ekhabhathini.. Beyolanda ezinye emotweni...uPhilani ephethe imicrowave... Nora:yhuu ayisentle mntanam khawuyivule yonkeeyiyizela... Eyikhupha ngaphandle... Linda:yhuu hayi inoba iyabiza le xa intle kangaka nguloSilver kudala ndamthanda futhi.. Nora:ngendiyintoni ngaphandle kwakho na mntanam hee nkosi yam kunini ndayifuna.. Philani:ithengwe ngumolokazana wakho ke uUwakhe. Nora:(engatyhilekanga)Intleeyohlala phantsi Linda:mandibe ndiphaka inyama lena ndilambile nam Yolisa:Mandiyobeka ezizinto zam kulandlu Philani:ok mntuwam ndiyeza nam UYolisa ephuma Kukhala ifown kaPhilani eyoyihoyela ngaphandle,uLinda enika uNora inyama.. Nora:caba usijonge wasijonga wabona uba siyasokola lomntana Linda:ubani? Nora:esisatywetywe somntana,rhaa ude agingxizele ne Microwave usijonge wasijonga wabona izinto ezingenanto,ufika seyibona ukuba akho microwave akho washing machine uyafukuzelisa..... Linda:uhamba nini khona? Nora:andiyazi andinalo nexesha lakhe,andiyifuni laMicrowave apha,makaphume nayo apha kwam... ________________ Kuxolisa mna ngobalate :-) sorry
Posted on: Thu, 30 Oct 2014 14:27:06 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015