Insert 71 Yayingebuhlungu intliziyo yam yinto - TopicsExpress



          

Insert 71 Yayingebuhlungu intliziyo yam yinto ndizawuyenza,ndandingekayazi noba ndizawuyenza nini. Ndikhe ndahlala iintsuku ndingekaphumi nanto,ngokuya zihamba ezintsuku ndiya ndimthanda umntu lo ukhula ngaphakathi.Ndandithetha naye ndicela andixolele ngento endizoyenza kuye,nokuba ndizakohlwaywa nguThixo ngaloo nto futhi ndisamkela ngentliziyo yam yonke eso sohlwayo. Ndihleli no Phiko. Phiko : Ucinga ukuyenza nini ke ngoku lento? Me : Andazi,futhi andazi noba yenziwa phi. Phiko : Ndizobuza u sis Thembi (u sisi wakhe omdala),soze angayazi. Me : Uzawuthi ubuzela bani? Phiko : Mdala usis Thembi,she knows ndijola nawe.Andinosuka ndibuzele omnye umntu,uzawuyazi engayibuzanga ke le uyibuzayo into. Me : Uzawuyazi ke ngoku ukuba mna ndi- Phiko : Akhonto azoyithetha u sis Thembi,she is good at minding her own business.Ndimthembile,kwizibto zonke endakhe ndazithetha naye nendingathandiyo ukuba zaziwe ngabanye abantu akukho nanye awakhe wayithetha. Me : Okay. Kwadlula iintsukwana,wandixelele uPhiko ukuba uthethile no sisi wakhe. Phiko : Ndithethile no sis Thembi,wandixelela ukuba ngowuphi ugqirha oright. Me : Iright nyhan loo ndawo? Phiko : Uyeva mos ba ndithi utsho,shes a nurse andisiboni isizathu sokuba angaxoka!! Ubendikhwazela maan...ndalila... Phiko : Im sorry nana,ukuthi yonke lento indiza apha entloko. I nodded.. Phiko : Uzoya nini ke? Ndabeka iveki elandelayo,I wanted iintsuku nje ndiphinde ndithethe nomntanam. :( :(... Phiko : Ill go with you. Me : Nyhani? Phiko : Ewe nana Me : Thanks. Ngezo ntsuku andazi kwakusenzeka ntoni emzimbeni wam,ndandingenayo kwa umdla nowantoni na nditsho ne kiss le.Kodwa wayengadikwa tu uPhiko ndim. This day kulate sihleli noLwazi noVuyiswa. Lwazi : Hayi maan mntax khupha lento wayifaka kumntakwethu,kutheni ekuthanda kangaka?Hayi khona ngoku nise navana enye indlela. Me : Hayi Lwazi andenzanga nto mna,makube ufumene imatch yakhe nyhani :p Lwazi : Asazi ke thina mntax kodwa uba yinto izawuphela shem. Phiko : Ndiyitye nengcambu zayo futhi mntakwethu. Vuyie : Sanugezela u Iphendule nina tyhini,nicinga iyiyo lento yokusoloko iyintombi eleqeka emva kwendoda?mayilingane lento... Lwazi : Ndithule mna mntuwam. Vuyie : Ziphuma kwangoko iilectures zakho mos Iphendule ngomso? Me : Ewe. Vuyie : Ndicela ze undikha- Me : Ndizobe ndingekho. Vuyie : Uzobe uphi? Phiko : Yho Vuyie sisi ndidikwe gqithi yilento yalentombi endisoloko ndicinga imithi,kodwa iteste negative ndifuna ikhe iyoqwalaselwa ngu Gqirha. Vuyie: Iiperiods zona zikhona? Me : Ha.a Vuyie : Makaye nyhani Phiko kwagqira yazi,yayikhe yandehlela nam loo nto but zazi delayed qha.Kodwa youll never know. Phiko : Uyaya sisi. Vuyie : Ndikuthandela ukukhathala oku ke wena. Lwazi : Uhambe naye mntakwethu bangakuqhathi nalaa gqira. Phiko : Sendimxelele nam mntakwethu ukuba ndihamba naye asiyixoxi leyo into. Babe behleka loo nto.Siphume kooLwazi wandikhapha ndaya endlini uPhiko. Phiko : Ndizakubona kusasa ke. Me : Okay. Phiko : I love you Iphendule,ungaze uyilibale loo nto. Me : I love you too Phiko : Sizawudlula nakule into baby,ungazibethi ngayo.Hambolala ke sthandwa sam... Uye wajika ndaya endlini,ndifike selele uMikhulu.Nam ndayongena eroomin yam ndalala,phofu ndangena phantsi kweengubo ndacinga ngengomso... I made a prayer Dear God ndicela uxolo Bawo ngesi sigqibo ndisithathileyo,bekungekho lula kodwa kwenzekile ndafikela kuso.Uyazi kutheni ndisithathile,uyayazi nentliziyo yam.Wanga unokuyivulela indawo ecaleni kwakho ingelosi yam.Amen Ndathetha nomntanam Baby ndicela undixolele,umhlaba endiphila kuwo ukhohlakele kakhulu.Nam kwenzekile ndadyobheka kuloo nkohlakalo yawo,kodwa ndikholwe xa ndithi ndiyakuthanda and I will always love you.Notata wakho uyakuthanda.. Ndiye ndalala.... Monday,26 March 2012..... Kusasa ndivuke ndahlamba emva koko ndahamba ndaya ku Phiko.Siye sahamba ke saya etown... Phiko : How are you feeling? Me :Ndiright...wena? Phiko : Nam I wonder besibhanxa bani,ngoba bekungekho nomnye oright kuthi besiziqinisile nje qha.Siye sayongena kwagqira,uPhiko wayothetha no nontombi lowa usedesken ngaphambili.Wabuya esithi if asizanga ngakugula,size mhlawumbi ngento enescan phakathi.Sizawuva ngogqira ba uzosicharger malini.... Sisahleli waiting for our turn,my phone rang ibingu Kamo,wow! Me : Hey,unjani? Kamo : Ndiryt mntanam,wena? Me : Nam ndiright. Kamo : Awunqabe,uphi? Me : Ndikwagqira,Im not well. Kamo : Uberight mntanam,bendikukhumbule nje qha. Me : Sure thanks. How I wish bendilapha kuba ndigula nyhani. :( ... Side sangena no Phiko,saxela sizothini. Phiko : Yimalini ke? Doc : Masiqale senze iscan. Ndasenza iscan u Phiko wacela iprint out,I was eight weeks pregnant. Doc : Yi R800 ke. Undibizele kwelinye icala,then wandifaka ngaphantsi ipilisi encinci emhlophe eqale wayiqhekeza.Wandinika isanitary towel ba ndiyinxibe. Doc : Ngu 11 ixesha ngoku,ubuye ngo 15:00.Ungatyi,nizobhatala xa nibuya.Ningafoli,nixele ereception ukuba nditshilo. Kwakungekho kubuya ngamva :( ;(
Posted on: Mon, 08 Sep 2014 22:32:07 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015