#Insert116 Ndamjonga ndicaphuka but ndazibamba ndaqonda - TopicsExpress



          

#Insert116 Ndamjonga ndicaphuka but ndazibamba ndaqonda andizombuza noba uvelaphi. Khaya : Yoh awulali baby, usahleli elixesha. Andidinwe ndonqena noko ku vasa. Wakhulula wathatha i charger wa charger i phone yakhe. Khaya : Ungahlali kakhulu, ngoba kuzobanzima ukuvuka ekuseni, isekude le friday ugqibelisa ngayo. Oko ndandimvulile edwaba nje yedwa, ndidikwe nayilento esuke wayi weather. He switched off the light and came to bed. He held me, ididnt say a word i fell asleep in his arms. The following day ndavuka sele evukile qha ese study. Ndahamba ndayokuvasa ndavasa no Maso. Sahamba sayokutya xandiphindela e kamereni kuba ndifuna ukuthatha izinto zam sadibana emnyango. Esanxibe i gown. Khaya : Good morning mrs Matshaya. Mna : Ja ndatsho ndingena ekamereni ndithatha i bag zam. Wandilandela naye. Khaya : Sizokwenza lento kude kube nini? Ebusuku ndithethe ndancama wabe ungandihoyi, kanti yintoni ingxaki yakho? Yabangathi uyandithuma, ndaqokelela izinto zam ndingakhange ndithethe. Xandizophuma he blocked the entrance. Khaya : Kanti yintoni na wena wasuke wanje? Mna : Mxm, uzondixelela ke xa ufuna ndiphume. Ndatsho ndisiyokuchopha phezu kwebhedi. Khaya : Usaqumbele lanto yeza mpahla zomntwana? Iyafana ziselapha awuyenzanga lento bendisithi yenze. Thiza ndaye ndidikwa worse. Khaya : Uyafuna ukuyazi ukuba kutheni ndingazifuni ezazinto? Ndamjonga ndabe ndinomdla walento ayithethayo, ngoba zange ndayibona uthi uphiwa into ube uphisa ngayo, and xa engazifuni ezampahla mna mama womntwana ndiyazifuna, ndiyazivuyela and ndiyazidinga. Khaya : Bendivume ndingayazi uba u...u...mxm never mind. Watsho ephuma ngomnyango ndasuke nda curious. Ndathatha izinto zam nam ndaphuma ndahamba. Ndaqala ngo Maso then ndaya emsebenzini. Oko emsebenzini bendicinga ngelento ka Khaya. Late ndahamaba ndayodlula ngo Maso wa sender i massage ethi ubusy nanamhlanje so uzophinda abuye late. Andapheka ndatyisa u Maso ukutya oku khoyo, ngoba iyafana ufika nje ngolala akatyi nokutya. Ebusuku sahamba sayokulala no Maso. Ndabe ndiqonda noba usemsebenzini noba akekho kuwo andizobe ndizikhathaza ngento yonke. Ndothuka ngo 00:00 ndayochama wabe engeka buyi. Ndaphinde ndalala ndazokothuka ekuseni xandivuswa yi alarm sele ekhona elele. Ndabe ndingamazi noba ufike nini. Zange ndithethe ndavuka ndenza izinto zam njengesiqhelo ndamshiya esalele. Mhlawumbi ngelaxesha bendivuka ngalo kuba ndilungiselela ukuphangela ibilixesha asandokufika ngalo. Salungisa no Maso samshiya esalele. Late xa sifika endlini safika engekho and kusemdaka kondlulwe nje ibhedi. Ndafika ndaphakela u Maso watya, ndakugqiba ndatshayela indlu le imdaka. Ndahamba ndayokulala. Days passed oko u Khaya efika ngobusuku, emane esithi u busy emsebenzini. Bekusuke kwakubi kengoku endlini kungasekho mnandi tu. Besingafani sithethe no thetha no Khaya ngoba ebefika sele ndilele ndimke esalele or sele ephindela emsebenzini. Ithink he was avoiding me. Nam ndandisuke ndakhumbula i flat yam andayazi noba kwakutheni zendikhawuleze uzokuhlala naye. Yade yaba yile friday ndigqibelisa ngayo emsebenzini oko sibetha ngesingqi esinye endlini. Kwakusuke kwamnandi emsebenzini kunasendlini. Ngale weekend yokuqala ndikwi martenity leave, wayesekwa ku phangela kodwa ungumntu ongakuthandiyo ukuphangela nge weekend if uphangele udla ngoku buya early, but waye wabuya late ngathi kuphakathi evekeni. Wafike nje wavasa wathatha u Maso bahamba babuya ebusuku batya then bayokulala. Wayesuke wangathi utshintshile kangakuba ndandide ndicinge uba inoba akasandithandi. Ngoba emva kwala baby shower zange aphinde abe ngula Khaya ndimaziyo. Wayede akhethe ukuhlala or adlale no Maso kunoba ahlale nam. Nam ndandingabe ndimthethisa ndandi vele ndithule. So Beku Monday ebusuku u Khaya engabuyanga busuku kakhulu lomini ebuye phakabo 19:00. Ndandihleli ekamereni ndedwa ndifunda i True love magazine. Kwakhala i phone yam, yabe iyi number endingayaziyo. Mna : Hello Caller : Hey u sharp? Mna : Ndiright wena? Caller : Ndisharp nam, bendicinga uyokwenzela u Maso umsebenzi ekhaya kula weekend ye 17th, ndicela uzundiboleke yena uzohamba friday then ndimbuyise Monday. Mna : Okey Caller : Awunangxaki nalonto? Yazi bendicinga uzondisokolisa, utshintshile yazi Lizzy. Enkosi vah. Ndasuke ndahleka. Mna : Hayi wethu ndidikiwe yilento caba qho xasidibana siyaxhwithana. Caller : (ehleka) Isuke izenzekele marn lanto, im sure sisafunana. Mna : Ngaphandle kwam, byee Luvo. Ndithe ndigqiba ukuthetha wabe u Khaya eme emnyango andmazi noba ungene nini. Khaya : Akusemnandi, anisahleki ne Ex Husband. Andamhoya ndabeka iphone yam phezu kwe headboard, ndafunda le magazine bendiyifunda. Khaya : Baby. Watsho ezokuchopha phezu kwebhedi esondela. Khaya : Ndiyakukhumbula mna ngoku. Wasondela wandibamba wathi xa esaqala ukundincamisa ndabhekela. Khaya : Uzokwenza lento kude kubenini? Ndabeka i magazine phezu kwe dressing table ndalala. Akazomane ethetha nam xa ecacile kaloku.
Posted on: Sat, 08 Nov 2014 14:18:37 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015