Ndifihle mntanam. Ndingumama ndilalapha eAliwal - TopicsExpress



          

Ndifihle mntanam. Ndingumama ndilalapha eAliwal North,ndinabantwana bane ndandendile qha ubomi bunzima buthi ububumba bube buphasalaka. Into eyandikhupha emzinam kukuba ndithe ndawubeleke le two yokugqibela bavela abantwana benebala neenwele ezingafaniyo nezabanye yaqala ke inkathazo,ndalwa nomyeni wam,uyise wathi le yona inzala akuyiyo eyalomzi,babe bendinukuneza bethetha ngam kakubi kulendawo,ndabe ndibaxelela uba ngabantwana babo aba kuba ke ingabantu abanemali futhi behlonitshiwe kulendawo kwacacuba isidima sam basirhuqela edakeni ndacinguba mandiyofuna enye indawo yohlala. Saphuma nesigqibo soba makahoye aba athi ngabake mna ndizakuhoya bonke ngabam bonke mos kuba ndandingasahlelanga ndawo ziindodakazi zam zizithuko zobuhule nezinye,yiminyaka isixhenxe ngoku uvelile umfo omkhulu wafuna ukwenza iiPartenity tests zababantwana,ndamvumela waya,zabuya iziphumo zikhomba yena. Ngoku bezile abantu balamzi bezekucela uxolo bathi mandibuyele emzinam lento izawuthethwa isikhaya ekubeni ndemka intliziyo yam ilihlwili pha. Ngoku ndifuna nje ubuza xa isimo sinje sithwani,ndizawkonwaba futhi kulamzi okanye sebefuna nje uquma ihlazo labo? #Captain
Posted on: Sun, 23 Nov 2014 20:19:42 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015