Ndingumfana apha ndina 28years ndandisejele ndigwetywe 20years. - TopicsExpress



          

Ndingumfana apha ndina 28years ndandisejele ndigwetywe 20years. i10years ndiyenze ngaphakathi. Ukubotshwa kwam ndandisenza imatric ndina 18years. Ndabulala umntu ndandimncinci ndingekacingi kakuhle. Umama womntwana wam wandi cheatela nomnye umfana ndababamba bobabini ngokushiywa ngumsindo ndamgwaza kanti ndizamosela wasweleka. Ndaya ke ndavalelwa. Bendisisola ngesenzo endasenzayo kuba yayingezo njongo zam ukumbulala. Ngoku ndipha ngaphakathi ndaqhubeka nesikolo ndenza ilaw. Ndizixelela ndiyafunda ngoba ndifuna ikamva lomntwana wam libe bright. Xa ndandibotshwa wayesena 1year neenyanga ezimbalwa. Ndiphume sekena 10years ukhule ndingeko ngoku ndifuna ukuba ngutata olungileyo kuye ndifuna ukumkhulisa ngendlela elungileyo. Andikawufumani umsebenzi osgxina kuba ndisanda kuphuma kodwa ndizawufumana. Ingxaki yam ngoku umama womntwana wam akandithembi uyandoyika yaye uyoyika nokundinika umntwana andivakatshele yedwa ufuna naye abe khona kodwa Noba ekhona uzahlala nje less than 30minutes athi bayahamba. Ndingenza njani aze andithembe kwakhona kuba ndizimisele ngabo ukubenza ifamily yam. #Zaza
Posted on: Fri, 20 Sep 2013 20:46:34 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015