Rest in peace Ntomboxolo. besikunye kulenkonzo sidibene kwi Sunday - TopicsExpress



          

Rest in peace Ntomboxolo. besikunye kulenkonzo sidibene kwi Sunday School. ndikhumbula sicula kwitheko lika Bishop uDwane kunye nono ludwe ngo 1991 apha eSt Peters. akwanelanga apho sisebancinci siseluntsheni. ngeloxesha wawusiya emthandazweni kwiveki elandelayo unxibe itayi lomanyano. ukhona ngelixesha kuqalwa ukunxitywa abantu amatayi nguMfundisi ukoliti ngo 1993. uyisebenzele imanyano kunye nenkonzo sibuyile nendebe zesimemezo nezomculo. ndikhumbula ngexesha engunondyebo womanyano. kwakubanzima entlanganisweni upholile abe usihlalo ethethela phezulu. usebenzile nakwi N.Y.A umkhulu umsebenzi awenzileyo kulemanyano ukusuka ngo 1991-2014 andikhumbuli ephoswa yi Assemble. ecaweni ubungumhlabeli esititshini uligosa lemfundiso waligosa le sitishi ungumntu wakuqala obaligosa lesitishi elincinci kwaye elibhinqileyo. masimkhululeni simyeke ayokuphumla udiniwe. sohlala silikhumbula elolizwi lakho likhawulezayo xana lithetha.
Posted on: Sat, 09 Aug 2014 16:11:05 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015