INSERT 46 Ohww well ndiyaqala kancinci kancinci ukuvela - TopicsExpress



          

INSERT 46 Ohww well ndiyaqala kancinci kancinci ukuvela elangeni umthunzi wam uyaphela.Umqolo ungathi uza kuba phandle ngoku.That Sunday zange ndayicinga nokuyicinga ukuba mandifune umntu who will replace uMangwanya ndathatha isigqibo sokuba ndiyavala qha izitshixo ndizifihla kwalapha endlini andiceli kwamntu oza kuvula.Amantshontsho am kum ncaaa!Ndacleana izindlu ndakorobha ndagqiba.Ndaqoqa iimpahla zikaThando,ndalungisa amasana am ndaphuma neebhegi ndintsintsitheka ndajongisa egxamesini.Into eyayindibetha ke ngoku,iDaycare yaphaya eBadibanise yayikude nasendlini yayiza kuba ngumthwalo ukuvuka ndihlambe aba ntwana,bazophatha ntoni kona?Bobabini basafuna ukubelekwa xa kuhanjwa umgama omde elo hlobo.Ndafika endlini.Ndaqonda eMain House ndiqonda ndiyocela uNtyantyi andijongele aba ntwana loo gama ndisakha icebo.Loo nto leyo andimazi kakuhle nalo Ntyantyi ndiqala ukumbona apha kowabo qha ndenza nje ukuqinisa intloko.Hayi wavuma umntanabantu phofu eyicacisa yiloo veki qha akazukwazi ukwenza umsebenzi kakuhle pha endlini xa esajonge aba ntwana.Ndalala ngaloo mini ndiqonda ndiyayoyika nale nto ndizoshiya abantwana nomntu abangamqhelanga phoff engaziwa ngunina kuqala.It was a risk worth to be taken,I felt I had no choice but to swallow the hard rock and see later whats gonna happen.Ndathi ndisalele ndacinga yeey ayizundinceda into yokuhluphekisa abantwana apha kunye mandihlale naye abe mnye aze lowo unako ukuya kuMhakhulu wakhe aye.OkaKhanyi umhakhulu ngulo endamgqibela engafuni nokuva ngam.OkaThando ndandigqibele efikeleleka,ngekhe mandithethe naye hleze wondaphula.Ndaqonda ndiza kuthetha naye ngomso ukubuya kwam emsebenzini sendizamile uAdjusta with the thought and consequences of taking my baby to her granny.Ndavuka ngoNwii ndapheka ndabeka ekuhleni izinto abanokuzidinga.Ndagqiba ndalungiselela ukuya empangelweni.Nhoko uThando wayesekutya ukutya kuba wayena18months ehlise ngebhotile.Ndandisamtyisa iNido ngeLucky njengoba ndandizithenga okwegeza zazisekhona iiTinner ezimbini kwezi ziphakathi.UKanyi was 3years old kwakungena kwanto ke kuye.Ndabancamisa belele benjalo ndaphuma ndayoyalela uNtyantyi.Yena ungumntu noko ofikelelekayo.Ndandifona ndifonile emini to check if baright na and they were okay.Ndabuya emalanga,loo nto leyo nakulo msebenzi ubuya sekumnyama uvuke umke ekuseni kuvukwa phofu ke ndandiza kuqhela.Ndafika ebahlambile abantwana bam uNtyantyi,sebesozela nokozela baphaphama ke ukufika kwam saya endlini ndabatyisa amasi ngesonka,sathandaza balala ke bona.Kwabe kungoo9 ebusuku.Ndawa emnxebeni ndafonela uMhakhulu kaThando,uRhadie.Wayibamba emva nje kweeRing ezimbalwa: Rhadie:Hallo Me:heloo Rhadie unjani? Rhadie:ndiphilile sisi,ngubani na? Me: ooo ndingumamaKaThando Mama Rhadie:ooooh yhini umntanam bethuna..kutheni wathula ixesha elide kangaka osandifoneliseli nangomzukulwane wam ndimkhumbula ndincame.Ninjani na sisi? Me: Siyaphila Rhadie nto nje ndinengxaki apha.uAnti ubehlala noThando ucele ukugoduka ngoku ndihlala naye emrentweni and uyandisokolisa kangangokuba ndimshiya ndimgcinisile kwenye intombazana yalapha endiqonda uba nayo ndiyayisokolisa kuba usemncinci nokuba mncinci. Rhadie: hay hay hay ungahluphekisi umntanomntanam okungathi andisaphili.Kaloku sisi ndiyayiqonda imeko yakho.Ungamzisa nakusasa sisi please ungazenzeli istress uzibulale ngentliziyo. Me:Ndiyabulela Rhadie kakhulu kodwa ndomzisa ngeweekend kuba ndiphangela aphezintsukwini. Rhadie:Ngelo thuba nje nono ufumana ithuba makeze kuMhakhulu wakhe,ndibathanda gqitha abantwana ngekhe uzisole tu. Me:Ndibulela kakhulu Rhadie ndotsho ukusuka kwam apha.Enkosi. Rhadie:Kulungile ke sisi.Hayi be not worry sisi streeesss freee!. We hung up hahha hayke yena ngesingesi esingenaswekile.Ndaziva ndizibuza kazuba iyozala nkomo ni.After that call I decided that I will organise uAnti ozazohlala noKanyi when I am at work akhululeke xa ndibuya,I had to get someone okwalapha eBadibanise.Yahamba iveki ngenye imini khe ndifike kuthwa ubetefa engayeki uThando ndibuye sebelele ndivuke besalele kunguloo mcuku nje.Ndaqonda uThando ndiza kumhambisa ngeCawe ekuseni,akho nto ndiza kuyoyilalela kuloBush.Ndamxelela uSiya everything eqhubekayo.He was so supportive.But wayiqononondisa into yokuba akanakuthanda ndiyolala kuloBush akanophatheka kakuhle.Nam ndabe ndiqonda I can not afford to hurt him like that.The truth is xa ujola nomfana ongenguye utata womntwana onaye you put yourself in the middle of their differences and got to satisfy both parties.Its the way it is we cannot change it.ooNtyantyi babebuzisa ke ngomntu ofuna umsebenzi njengoba kwakuneSpaza xa kukho abantu abazothenga.Kwakhona ke othembisayo unomntu amaziyo,uza kumkhapha ngoMgqibelo xa ndibuya emsebenzini azosabela.Ngenene ngomgqibelo pha ngoo5 wafika umntu osebuqina othi uyawucela lo msebenzi.Ndamxelela ke amaxesha okungena nawokuphuma nomrholo.Hayi akachasa nto.I had to update Bluez since he had promised to assist me financial whenever I need one for Kanyi.Though I couldnt help it but wonder how is he gonna do that because he was still a 3rd year Student.So I thought I am sorted.On that Sunday ndavuka ndathatha uKanyi ndayomvakatshisa kwasisi wam waseFamilyini edolophini ndisenzela nokuphumza uNtyantyi.Ndaphuma apho ndayoHikea eziya eMtata iimoto ndizothatha eziya eNgcobo ndiyakwazi endlini andidingi kukhawulelwa.Yathi xa isuka imoto eMt.Frere ndafonela uRhadie ukumazisa.Ndahamba kakuhle indlela yonke ndade ndayofika endlini pha koo2 emalanga.Ndafika sendilindiwe phofu nguRhadiE noNtombi(umzukulwane waRhadie kaTatomdala kaThando)noTatomdala kaThando.Bahlala bobathathu.Ndamnkelwa ke ngezandla ezishushu.Rhadie uncoma umntwana ukukhula nokuba uyavuya ndimzise kuye xa ndisaxakekile.Emva kweHour ndacela indlela ngohlobo owayesonwatyiswe bububele ngalo uThando wayengasandijongi nokundijonga.Ndamzimela ndishiya konwatyiwe.That was a relief for me but the truth is deep down my heart I was hurt and sad because of the distance.But I hoped I will be able to get to her whenever I need to.Ndafika sekuhlwe kakhulu eMt.Frere ndayodlula ngoKanyi saya endlini.Ndavuka ekuseni ndinethemba likaAnti ngenene wafika ngoHalf 7 lo besivumelene ngaye.Ndabulela kuBawo ngazo zonke iznto andenzele zona nangamacebo awavelisile.
Posted on: Tue, 30 Dec 2014 14:06:39 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015