INSERT 87 Oko kwafika osisi bam ndaqala uba ngulo Unako une - TopicsExpress



          

INSERT 87 Oko kwafika osisi bam ndaqala uba ngulo Unako une tshiki kumama.Ndandikorobha e sitting room ndiqumbile,kufike uSivu.umama yena wayehlamba ekamereni. Sive:Jhoo ndifuna lancwadi ipha,khwundithathele Unako. Me:Uyabona uba ndiyakorobha apha,uciba ndizongena kanjani mna? Sive:ndikuqhwabe khehle ngoku usalibele kuphendula ukusa. Ndathula ndaqhubeka nale ndiyenzayo.Wangena enxibe izihlangu. Me:Yabona ke Sivuyisiwe yikaka le uyenzayo.Kutheni ungena ngezihlangu kodwa ndiya cleana#ndabeka imop phantsi#Umdala nje ingqondo i ayikho. Umama waphuma ekamereni ephethe towel emanzi thwaxa!thwaxa!thwaxa emathangeni. Mom:Mngakanani uSivu kuwe?Awumzi nomza sbhanxa ndini. Arhawuzelela amathanga wam.Ndashiya lonto bendiyenza apho. Mom:Unako!Unako!Nithi use wathini nalomntwana. Zange ndimhoye ndayozimela emva kwendlu emthunzini ndafike ndalala ngesusu.Kwathi kanti uLulu undibonile ngoku ndibethwayo.Wafika wahlala apha ecaleni kwam. Lulu:khawuveze awunamivumba? Me:Andizazi yeka mntana ndizoba right. Lulu:Yazi mntase ndimqaphele,umama uzenza umntu oqeqeshayo xa kukho abanye.Kodwa akenzi kanje xa bekhona.Ndine cebo kemna and no Aya sele elivumile. Me:Yintoni? Lulu:Xa bemkile aba bamphaphisayo nathi siqala uphapha sincokola sodwa yena asimthethisi. Me:Yazi Lulu andiqondi uba ndingumntana kamama mna,kutheni ese wandonyaya kanje?Andithi nabantu abaninzi bathi andifani naye ndifana notata. Lulu:Bekunganyanzelekanga kaloku mntase ufane nomama.Ungakhathazeki sizomqabula lowa. Me:Mna andizufunda ndihlala apha.I hate my mom ndifuna uhlala le kude kunaye. Lulu:Ndicela uhambe nge staff tana Unako sizokukhumbula,kuzodika apha xa ungekho. Me:andinokwazi,kwaye ndizobuya nge holidays qha.Nalapo ndibuyiswa ngu tata wam. Lulu:Tatakho?What about me and Aya?You also hate us. Me:Hay marn,nani ke. Ndasukuma ndaya ekitchen,abantu babekhona bonke kuncokolwa kuhlekwa.Xa kumnandi ke kubamnandi ekhaya,amaxesha amaninzi siyanxwalana siyaqhathana.Kodwa kum kwakungekho mnandi,ndandidikiwe ngabo bonke.Kwakungase ndizihlalele noSimni qha. Iintsuku zahamba.Kwakusondele ixesha lokuvulwa kwezikolo.Oosisi bam bamanu kuhamba ngokuhamba.Ndade ndasala nomama,lulu,dad and Aya...Kwakungomvulo ndizosa i report yam e St Jamaica,uPrinci wayesele ethethile no Principal wala highschool.Ndandihamba no khanyi no Mpo.Entloko ndandichebe inkqayi.Ndathwala i cap endandiyipiwe yi brother ka Lulu.Azalwa naye ngqo.Yabazi ke abantu base goli nge caps. Safika e St Jamaica. Mpo:Khawuqale chomy nguwe umntu one report entle kakhulu. Me:Azimbanga mos nezenu khaningene. Kuthi gqi omnye umfana asondele kuthi. Mfana:wena ndiya kufanisa. Me:Utsho mna? Mfana:Ewe,ubucy ngowakowenu? Me:Ewe yi sister yam. Mfana:Ewe wayetshilo kanene wathi kukho umntana wakowabo ozozofunda apha.Ndingu Sipho kemna,bandibiza psyfo abaninzi. Me:Ndingu Unako kemna Mpo:abaninzi bambiza phystoz Khanyi hit Mpo egxeni..wahleka uSipho. Sipho:Akasandwebe lona.ngenani apha ke kule office. Sangena soy3..Samkelwa ngobubele.Sabe siyalwa ke uba iperfomance yethu singayitshintshi. Pricipal:Kuthwa Unako you are good at narrating stories nakwi poems.Kuzofuneka udibane nale tishala ke. Tishala:Ayinguye lo wayesenza poem kwi farewel ye principal yabo yokuqala na mphathi?Hay nguye lo. Wandiqwalasela uMphathi. Principal:Nguye,hey nguye..Khawusenzele la poem mntanam nizohamba. Me:Ndizokwenzela xa kuvulwa ndiyilibele. Principal:Sukundiqhatha.Wayenza mntanam marn. Me:Enkosi,siyahamba ngoku. Princi:Nizobhala i tests..ni choose subjects zenu enizozenza.Thathani apha nibe nijonga,ingxaki songeze u 10 H and I.... Wacacisa ugqiba kwakhe saphuma sahamba. Me:Guys andazi sokwenza njani yazi,mna ndihlangatyezwa ngu Simni and sizohlala kwenye indawo okwexeshana. Mpo:hahaha utsho kubani ongahlatyangezwayo? We both laughed sajonga uKhanyi.Wathula wakhupha iphone yakhe and showed us i message ye Bf yakhe ethi uyamhlangabeza. Me:Anisadiki marn nide ningatsho.Uba uSimni khange athi uyandihlangabeza bendizohamba ndodwa. Mpo:Its Green,yellow,lemon and red. Khanyi:Icace nasemfameni kaloku leyo into. Xa sisiya elalini yethu sisuka e St Jaims,sesehlile emotweni sidlula ilali ezimbini.Ku hikwa imoto eziya elalini qha kuba isithi sasingazu hike.Xa sigqibo kwehla etaxin,sabona uSimni ehleli eshelten nenye intombi nje engacacanga :v zange indenzele ne worry lonto. Wasukuma u baby xa endibona,encumile. Mpo:Ungagqiba uthi uSimni ubona uYesu. Khanyi:Jhu uSimni kaloku ngo Sqharha wakhe ungambulala. Wafika wabulisa,bavuma ooMpo.Waza kum wandi huga.Wandifunqula and kissed me,la kiss irhalisayo. Mpo:Jhoo amanyala endleleni guys. Khanyi:Masikhabe amatye la wethu. Mpo:Ingase kuqale kuvele Siphe. Khanyi:Ingase kuqale kuvele uAthi. Sakhaleza sabadlula no babe then sacotha. Simni:Jho babe wavele wathi Nqayi,ucaphukiswe yintoni?Jonga ngathi uyinkwenkwe nanam. Ndambetha ngo swazi endandidlala ngalo.Wandileqa xa endibamba wabetha ngesiphongo entlokweni yam. Simni:Uyabona ke babe lenqayi yakho iwakhuphe onke lamaphondo wakho. -----
Posted on: Tue, 04 Nov 2014 16:00:20 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015