SEASON TWO #Insert51Continues.. Yaqhuba ke inkonze - TopicsExpress



          

SEASON TWO #Insert51Continues.. Yaqhuba ke inkonze sinkulomeko inkene-nkene sinjalo,kwabekwa nelizwi ke kwenziwa yonke into eyenziwayo kwinkonzo yamakhaya Kwalile xazileqa pha kwintsimbi yesithoba(09:00am) kwayalelwa ukuba inkonzo mayiqhubele phandle Saphuma ke sonke ababengaphakathi endlini yathathwa nemizimba leyo kwangalamadoda ebefike nayo,ziye zabekwa ke obhokisi phandle Abantu bebeqalisa ukungena ngaphakathi eyardini nemoto zilukrozo ngaphandle Nangona ibingankulwanga kangako nje iyardi leyo kodwa bekubonakala ukuba zakugcwala kuba bekukho lonke udidi lwabantu;abancinci,intanga zikamfikazi nabantu abadala Ilanga beseliqalisa ukuba shushu ngoku kodwa ke bekukho intente besihleli ngaphantsi komthunzi wayo Iye yaqala inkonzo ke yaqhuba njengesiqhelo,zamane ukubizwa ngokubizwa izithethi kodwa esandichukumisayo isithethi ibisisithethi sokukhula Mfundisi:besizakuphakamisa isithethi sokukhula uMiss Noxolo Dikela besizakucela kwikwayala imphakamise ngengoma,iye yahlatyelelwa ingoma ke Yaphakama intombi entsundu ngebala ibinonwele olufutshane inge,mfutshananga kwaye ingendanga ngesithomo inxibe ilokhwe emnyama engandanga ukuyaphi,wayokuma ngaphambili,yaphela ingoma Noxolo:mandizibulisele ngalemini yanamhlamje..inyembezi ebezibambe ngenkophe lona usizi belubhaliwe ebusweni bakhe..njenguba besekutshiwo ukuba ndinguNoxolo ndihlala pha kulamzi umhlophe..watsho ekhomba,bendingamazi kemnake kodwa ebeqhelekile..andingomntu oliciko ke andizubamde ndizokuthi gqaba-gqaba,uMandy lona ndikhule naye sibancinci singabantwana abasithandayo isikolo,ekhaya ke mna ndikhule sihlupheka seniwubona ukhulu nje umzi wasekhaya zizinto zangoku ezo,usisi lona ebenobubele eclever kakhulu esikolweni xasinikwe ihome work ebendenzela nam kuba ke bendinayo indawo eslow,ebebathanda abantu enobubele a,axesha amaninzi bendisitya kuye ilunch ebendiqhekezela nokuba li apile elincinci kuba mna bendingafane ndingabinazo izinto ezimnandi kodwa zange nangemini enye anditshintshe uMandy andivimbe kuba ababntwana bayayenza lonto kodwa yena zange nangemini enye,ebendithanda lomntu nam ndimthanda ibingumnto ofikelelekayo elihomba,sasinelokhwe ezifanayo ke ndikhumbula ngenyimini elila eyokrazule wayetshele kutata wakhe efuna ukuthengelwa enye,uMand bethuna.-zaphuma inyembezi kuye wabindeka akakwazi ukugqibezela ukuthetha,kwahlatyelwa ingoma,uye wayokuhlala phantsi ke sebanjiwe Ndiye ndakrweca utata kaThemba obehleli ecaleni kwam ndamxelela ngalombongo ndiwubhalileyo,uye wahamba waya kuMalume wamhlebezela ke uye wanqwala intloko naye umalume,emvakoko waya kumfundisi,wabuya wandiqobozela imehlo ebonakalisa ukuba yonke into ihamba kakuhle Bendihleli ecaleni kuka Entle ke noThemba Ndithe xandiphosa amehlo wam ngaphesheya ndbona uZisanda,wancuma wandibulisa ngesandla nam ndavuma ebehleli ecaleni kukaCikizwa Iye yaqhuba ke inkonzo zabizwa zonke izithethi kwashunyayelwa kuthe xakuzokuvalwa inkonzo wavakala umfundisi Mfundisi:phambi kokuba sisingisele emadlakeni kunesicelo,umzala kamfikazi unento afuna ukuyithetha bendicela aphakame umfana Ndaphakama latsho uvalo kodwa ndaziqinisa ndayokuma ngaphambili,yaphela ingoma Me:molweni nonke,kemnake ndinguSimthembile Biko,ndiqonde ukuba mandimbhayi-bhayise ngento umntsekhaya kuba besivana kakhulu..ndatsala umphefumlo ndakhupha iphepha ebendibhale kulo,kwathi cwaka isandi ebesivakala ibesesentente ephephezayo,ndafunda to me you are like the world I still cant believe that you are gone Your smile will always shine bright in my eyes Good moments that we spent together will remain shining in my mind You have decided to take this road without telling me,oh why? I hear your voice not far but near The sound doesnt desapear Its repeatingly coming on my ear This life is so unfair It should be sheepish I h.-...andikwazanga ukugqib ngenxa yesikhalo sika Nobuhle
Posted on: Tue, 23 Sep 2014 17:56:47 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015