#17 Mama uyewavuka wahlamba nam ndahlamba ndanxiba,iimpahla - TopicsExpress



          

#17 Mama uyewavuka wahlamba nam ndahlamba ndanxiba,iimpahla zam ebendingekazinxibi,sangena emotweni yaMama uMaRhadebe sahamba saya emtata,apha endleleni bendinomthandazwana nje omncinciBawo noba kwenzekani cela uze undenze ndamkele. Mama:uryt Odz mntanam? Mna:ewe mama.bendixoka bendide ndinesifuthufuthu kukoyika izikolo nikhumbule uba bezivaliwe yaye ndandigqibile ukubhala iexams zam,bekuthulekile emotweni,bendiphendula lonto ayibuzayo umama,bendide ndibilele kukoyika,mama wavula ifestile, mama:so mntanam uzothini ngesikolo kuba kemna ngeke ndivume uhlale ungafundi. Mna:mama nam ndiyakufuna ukufunda and ndiyayithanda imfundo,kodwa uba kufuneka ndiphinde kwesiya sikolo hay ndixolele ukubizwa iqaba. Mama: ooh wathetha kabuhlungu mntanam,kodwa ndizolenza icebo uzofunda kwaye awzufunda phaza. Into endamatha kuyo zange ndicinge kwakuthatha iincwadi zam okanye i report yakwa grade 10,ndave ndasukuma ndacinga ukuhamba qha. Sihambe sayofika edolophini yasemtata,saya komnye ugqirha caba umama uyamazi,wandenza zonke iitest,sahlaliswa endlini yokulinda,kwangena omnye usister wandibiza. Sister:so mntanam what if u have Hiv or u are pregnant,ungumntwana onjani olala nenkwenkwe ngaphandle kwe condom while esikolweni nititshwa ngezizinto. Mna:hayi sis... Uthi hayi ntoni kutheni ubeka ubom bakho engciphekwebi nje mntwana ndini,kuthe kanti umama uyayiva lento ndambona engena ngathi uyaphoswa. Mama:mamela apha kewena Nandipha awubhatalelwa uba judja abantu apha,ubhatalelwa ukubanika ii advise hay uba ubakhwazele,besendilile kemna kuba zange ndizicelele lento yenzeka kum. Umama khange atsho koo Lina ukuba siyaphi uthe siya etown qha.ziye zabuya ii results la sista ebephatshelwe secela noxolo kengoku,uye wangena uDr. Dr:ndicela uze ke Olwethu ndifuna ukuthetha nawe. Mama:sizongena sobabini i cant take an insult again. Dr:what do you mean Rhady mama:you shuld ask your mistres here. Siye sangeniswa endlini sahlala umama ebebambe isandla sam,bendingcangcazela ndingazi noba mandithini bekungase ndingasukuma ndibaleke. Dr:i have good news and bad news,so ndiqala ngeyiphi?sajongana sino mama. Mama:do your job Dr,we are not here to teach you #ebudikwa Dr:well i will start with good newz,the good news is that you are Hiv,negative,n the bad news is that you are pregnant.umama kube ngathi akwenzekinto wandi huger,ndave ndakhala,besendikhwaza kakhulu kengoku kungathu ndiphelelwa nangamandla, mama:sukuma mntanam masihambe. Sasukuma suhamba ingqondo yam ibingathi ayisebenzi kakuhle.ndafika emotweni ndahlala ngasemva ndalala,bendikhala yhoo ndizomthini mna umntwana,walanto ingu Sam,andifuni kwanto ingaze indidibanise nalamntu mna.ndebiwe bubuthongo ndisekwezongcinga. I was 4 weeks pregnant, safika ekhaya,bendingaziva ryt tuu,safika satya u kfc ebesimthenge emtata,uBusi ebengekho,ndingene endlini yam u Lina eyifake yonke impahla yam kwi woldrop wacleaner kakuhle.ndifike ndaziphosa phezu kwebhedi ndalala. Ndothuke emva kwe 3 hors sekumnyama,bendizicaphukela maan ndihamba nento ka Sam.umama ebehleli yedwa e dining room, mama: owh uvukile mntanam? Mna:ewe mama,uphi uLina? Mama:uhlangabeze uBusi mntanam,yhizohlala nam sincokole,ndahlala ecaleni kwakhe. Mama: sisi akunyanzelekanga intoyoba ugcine umntwana ongamfuniyo,xaungamfuni ndingakusa kugqirha ayikhuphe lomntana apha kuwe,uqhubeke ne future yakho,ufunde lomntwana uzokwenza into ka Sam ihlale engqondweni yakho ubom bakho bonke.kodwa noba uyamgcina akukho ngxaki.ndingamkhulisa umntwana,ekugqibeleni akango Sam yema,so mntanam mna ndizovuma noba yintoni oyithethayo. Mna:hay mama ndixolele ukuba ngumbulali asoze ndigcine umntwana walandoda mna kuba ekugqibeleni,uzohamba ahambe eve uba unomntwana okum aphinde abe endilandela. Mama:kulungile ke mntanam,hayi indiphathise ngentloko lento mna masincokole ngenye into iyandidika mna lena. Siye sayoncedisana ngokupheka sino mama endikhombisa yonke into apho ihlala khona. Mama:yabona mntanam mna abam abantwana ndiyabada kugqirha batofe,that is baprevente ke kuba andikafuni ukubangumakhulu mna ndisemtsha kangaka,sahleka sobabini.bekumnandi sincokola,ndiye ndambalisela nango Mis Ngeno wathi uzothatha i number yakhe amfounele afune amzamele i report yam yakwa grade 10, siye sancokola kumnandi sihleka nomama endibalisela indlela owakhula ngayo,bafike ooBusi sesizogqiba ukupheka,sagqiba satya sahamba saya edining room sayobukela itv,u Busi uye wayohlamba izitya sabukela itv wahamba wayolala umama,sashiyeka sincokola,sihleka kumnandi. Siye sayothandaza endlini kamama sayolala ezindlini zethu,bendinovalo lalento ndizovuka ndiyenze,andinandaba ndizosikhupha esisisu kodwa bendinovalo lwento endingayaziyo.umama uye wamfowunela u mis Ngeno bathetha naye wamcela uba angaze axelele mnatu ngalento,uMs uye wavuyela into yoba ndiyaphila qha,uthe uzoyi posa i report yam xakuvulwa izikolo. Wooow 19,598 LIkes inene nindenza umdla,ndiyanithembisa asoze niphinde nilambe,ndinithanda into engenasiphelo...God bless you oll and have a good moning,love you oll
Posted on: Thu, 17 Jul 2014 06:39:23 +0000

Trending Topics



Recently Viewed Topics




© 2015